Yiya kwinkcazelo

AGASTI 28, 2015
EUKRAINE

Inkundla Ephakamileyo YaseUkraine Ikhusela Ilungelo Lokungavumi Ukuya Emkhosini Ngenxa Yesazela Xa Kuqokelelwa Abantu Bokulwa

Inkundla Ephakamileyo YaseUkraine Ikhusela Ilungelo Lokungavumi Ukuya Emkhosini Ngenxa Yesazela Xa Kuqokelelwa Abantu Bokulwa

Inkundla ephakamileyo yaseUkraine iye yavuma ukuba abo bangavunyelwayo zizazela ukuba baye emkhosini banelungelo lokukhetha ukwenza omnye umsebenzi ekuhlaleni enoba kugquba udushe yaye kuyaliwa. Esi sigqibo sichaphazela amalungelo abantu eUkraine nakwamanye amazwe.

UVitaliy Shalaiko, oliNgqina likaYehova, uye watyholwa kusithiwa ubaleka ukuya emkhosini xa ebizwa, ngenxa yokuba ekhetha ukwenza omnye umsebenzi ekuhlaleni. Inkundla yamatyala nenkundla yesibheno zamfumanisa engenatyala, kodwa umtshutshisi uye wabhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseUkraine Yamatyala Embambano Nawolwaphulo-mthetho. NgoJuni 23, 2015, inkundla ephakamileyo iye yasichitha eso sibheno, yaza yavumelana nesigqibo seenkundla ezingaphantsi.

Inkundla ephakamileyo iye yavuma ukuba “inkundla yamatyala yenze kakuhle ngokusekela isigqibo sayo kwiNgqungquthela Yamalungelo Abantu yaseYurophu nakwizigqibo zeNkundla Yamalungelo Abantu yaseYurophu.” Yavumelana kwakhona nenkundla yamatyala ukuba kwakufanelekile ukujonga ityala likaBayatyan v. Armenia njengomzekelo. Tyala elo elagwetywa Sisigqeba Esiphezulu SeNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu ngoJulayi 7, 2011. Esi sigqibo sibalaseleyo sabonisa phandle ukuba ukungavumi ukuya emfazweni ngenxa yesazela esisekelwe kwiinkolelo ezinyanisekileyo zonqulo kukhuselwa nguArticle 9 weNgqungquthela Yamalungelo Abantu yaseYurophu. Kweli tyala likaVitaliy Shalaiko, inkundla ephakamileyo yaseUkraine yenza kwacaca ukuba ilungelo lokungavumi ukuya emfazweni ngenxa yesazela likhuselekile enoba kuyaliwa, njengokuba kunjalo naxa abantu befakwa emkhosini kube kungaliwa. Isigqibo senkundla ephakamileyo simile, asinakuphikiswa yiyo nayiphi na enye inkundla.

Esi sigqibo senze kwatsho kwathi xibilili kuMnu. Shalaiko. Uthi: “Ndiyaqonda ukuba ilizwe lam lifuna ukukhusela abemi balo ngokuba nomkhosi wamajoni. Ngoxa isazela sam singandivumeli ukuba ndiye emkhosini, ndikulungele ukwenza eminye imisebenzi ekuhlaleni. Ndivuya kakhulu kuba iinkundla ziye zaqonda ukuba isizathu sokuba ndingavumi ukuya emkhosini sisekelwe kwiinkolelo zam zonqulo.”

Isigqibo Esinceda Abaninzi

Amawaka amaNgqina kaYehova eUkraine kuye kwafuneka abonise ukuba akathathi cala xa kufakwa abantu emkhosini. Abo baphenduliswa ngumthetho betyholwa ngokubaleka ukuya emkhosini banokuthethelelwa sisigqibo esisemthethweni esikhutshwe kwityala likaVitaliy Shalaiko.

UMnu. Vadim Karpov igqwetha likaMnu. Shalaiko, wathi: “Ngamafutshane, inkundla ephakamileyo ithi, njengeNgqina likaYehova, uMnu. Shalaiko bekungafanelanga ukuba atshutshiswe xa esala ukuya emkhosini. Nditsho nakwilizwe elinjengeUkraine, elineemfazwe nelingazinzanga intle into yokuba imithetho yehlabathi yenkululeko yonqulo, neyenkululeko yesazela isetyenziswa.”

IUkraine Ingumzekelo Ekuhloneleni Amalungelo Abantu

Iinkundla zaseUkraine ziye zavuma ukuba ukwala ukuya emkhosini ngenxa yokungavunyelwa sisazela lilungelo elisisiseko labantu, ibe limele likhuselwe xa kuqokelelwa abantu bokuya emkhosini. Ayikokubaleka umsebenzi, ibe akubeki sichengeni ukhuseleko lwelizwe. Ngokuvumelana nezigqibo zeenkundla ezingaphantsi, inkundla ephakamileyo iye yawakhusela amalungelo abantu baseUkraine. Amazwe asabohlwayayo abo bangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo anokufunda lukhulu kwiUkraine