Yiya kwinkcazelo

JULAYI 18, 2014
EUKRAINE

Iindaba NgamaNgqina AseUkraine NaseCrimea

Iindaba NgamaNgqina AseUkraine NaseCrimea

ELVIV, eUkraine—NgoJuni 17, 2014, iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova iye yakhupha isaziso sokuba elinye iNgqina elihlala eKramatorsk, idolophu ekwimpuma yeUkraine, liye lasweleka emva kokudubula kwesiqhushumbisi ebesisecaleni kwemoto yalo. Awekho amanye amaNgqina aye abulawa okanye onzakala ngenxa yombhodamo oqale kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo oqhubekayo kwelo. Kodwa ke amaNgqina amaninzi aye afuduselwa kwezinye iindawo ezingeyongozi yaye ngoku ahlala emakhayeni abantu akhonza nabo.

Nakubeni iimeko zingaginyisi mathe eUkraine, amaNgqina asashumayela ngeendaba ezithuthuzelayo ezisuka eBhayibhileni. Ekuqaleni kukaJuni 2014, amaNgqina aye aneendibano kwimpuma yeUkraine, ebezineentshumayelo ezisuka eBhayibhileni nemiboniso yendlela yokusebenzisa amacebiso aseBhayibhileni. Bekukho abantu abangaphezu kwabayi-5 200. Kusekho nezinye iindibano zengingqi ezimalunga neziyi-40 eziseza kubakho eUkraine naseCrimea, eziza kuthetha ngekamva elihle apho kuza kube kulawula uBukumkani bukaThixo. EUkraine kulindeleke ukuba kubekho abantu abangaphezu kwabayi-165 000 nabanye abayi-7 500 eCrimea.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EUkraine: UVasyl Kobel, tel. +38 032 240 9323