Yiya kwinkcazelo

NgoLwesihlanu ngoAgasti 4, 2017, amaqela achasene nobugrogrisi ekunye namajoni namapolisa aphazamisa iintlanganiso zamaNgqina KaYehova eAlchevsk naseLuhansk, esithi kukho isiqhushumbisi.

DISEMBA 13, 2017
EUKRAINE

Awavunyelwa AmaNgqina Ukukhonza Ngokukhululekileyo Kwiindawo EzikwiMpuma YeUkraine

Awavunyelwa AmaNgqina Ukukhonza Ngokukhululekileyo Kwiindawo EzikwiMpuma YeUkraine

Ukungavisisani kwamaNgqina nabasemagunyeni kwiindawo EzikwiMpuma YeUkraine eLuhansk naseDonetsk obekuqhubeka iminyaka emine, kuye kwabangela kwanzima kubantu abahlala apho. KumaNgqina KaYehova ahlala apho ubunzima bubangelwa kakhulu kukungamkelwa kweenkolelo zawo. Abasemagunyeni balapho babonakala bephenjelelwa zizigqibo ezithatyathwe yinkundla yaseRashiya evale umsebenzi wamaNgqina KaYehova. Abasemagunyeni nabo njengaseRashiya baye basebenzisa iindlela ezingekho mthethweni ukuze kubanjwe amaNgqina ahlala kwiindawo eziphethwe ngabo ibe abakhonzi ngokukhululekileyo.

Ubungqina Obungenasihlahla

Ngokufanayo nabatshutshisi baseRashiya, abasemagunyeni baye batyhola amaNgqina KaYehova besebenzisa ubungqina obungenasihlahla.

  • NgoJulayi 2017, iNkundla Ephakamileyo YeRiphabliki YaseDonetsk yabeka amanqaku amabini akumaphephancwadi asele enziwe amaNgqina kuLudwe lweeNcwadi Eziyingozi kwiRiphabliki. AmaNgqina awazange axelelwe ukuba kuxoxwa ityala yaye awazange ayifumane ikopi yesigqibo esenziwayo ukuze akwazi ukubhena.

  • NgoAgasti 2017, abatshutshisi beeofisi zaseNovoazovsk naseDebaltsevo bakhupha isilumkiso esiya kumaNgqina asekuhlaleni esithi awavumelekanga ukuhambisa amaphephancwadi uVukani! neMboniselo ngaphandle kokuba afumana imvume. Ngale ndlela abasemagunyeni bayakwazi ukuthintela ukusasazwa kweencwadi zonqulo nokuba azibekwanga kuludwe lweencwadi eziyingozi kwaye bathembisa ngokohlwaya abadala bamabandla ngokusasazwa kweencwadi zamaNgqina. Kamva anikwa isilumkiso esifanayo namaNgqina akwisixeko saseMakeyevka.

  • NgoAgasti 4, 2017, amaqela achasene nobugrogrisi ekunye namajoni namapolisa aphazamisa iintlanganiso zamaNgqina KaYehova eAlchevsk naseLuhansk, esithi kukho isiqhushumbisi. Emva kokukhupha wonke umntu kweso sakhiwo, amagosa ajonga amaphepha omntu wonke owayelapho. *

Kuvele kungenwe, amaNgqina KaYehova ekhonza eAlchevsk

EAlchevsk amagosa azirekhoda egqogqa isakhiwo ekhangela isiqhushumbisi. Afumana iincwadi ezimbalwa zamaNgqina aza enza ngathi afumene amaphecana afakwe kwangabo phofu, athetha ngokuchasa into yokuba ngabemi abasemthethweni belo lizwe *.

Kusetyenziswa Izityholo Ezingenasihlahla Ukuze Ayekiswe Ukukhonza

Emva kweeveki kugqogqwe iiHolo zoBukumkani, bengenabungqina bubambekayo, abasemagunyeni eLuhansk bathi amaNgqina KaYehova achasene noRhulumente. NgoAgasti 28, 2017, uSekela Mphathiswa Wezokhuseleko wabemi basemthethweni belizwe, uOleksandr Basov wathetha kakubi ngamaNgqina KaYehova. Wakhankanya iincwadi ezafakwa ngamagosa kwiHolo yoBukumkani yaseAlchevsk njengobungqina bezityholo zokuba amaNgqina, axhasa amaqela abagrogrisi eLuhansk.

Isithethi samaNgqina KaYehova eUkraine, uIvan Riher wathi: “Naziphi iincwadi athetha ngazo uSekela Mphathiswa uBasov njengezo zafunyanwa kwiHolo yoBukumkani, zabekwa apho ngabo bafumanise ukuba zilapho. Mhlawumbi njengokuba besitsho, ezi ncwadi zasasazwa eAlchevsk kodwa zange zisasazwe ngamaNgqina KaYehova. Awathathi cala kwezopolitiko, ibe oko sikubona ngamaNgqina amaninzi asehlabathini lonke aye avalelwa ngenxa yokungavumi kwawo ukuya emkhosini. Awekho amaNgqina KaYehova aye athatha icala kukungavisisani kwaseUkraine.” *

AmaNgqina KaYehova Atshutshiswa Ngokuqatha

AmaNgqina KaYehova kule ndawo athi abasemagunyeni baye bawayekisa ukuba athethe ngeenkolelo zawo kwabanye yaye bawalumkisile ukuba angaphindi athethe ngazo nangona kungekho mntu uye wabanjwa ngamapolisa. Kwakhona amaNgqina amaninzi athi, aye abizwa ngamapolisa ukuze adibane namagosa. Ebudeni bezi ntlanganiso babizelwa kuzo, amaNgqina ayebuzwa imibuzo emininzi, oyikiswe aze atshutshiswe ngokuqatha kuba kufunwa achaze amagama abo baququzelela iintlanganiso zawo zonqulo. Abasemagunyeni apho babevele bangene baze baphazamise xa amaNgqina ekhonza.

Ukwanda kokucalucalulwa ngenxa yonqulo nokutshutshiswa kwamaNgqina KaYehova kwiindawo zaseLuhansk naseDonetsk yinto engaphaya kokuphathwa kakubi, kukutshutshiswa ngokuqatha okubangela ukuba angakhonzi ngokukhululekileyo. AmaNgqina KaYehova aye alumka nangakumbi kwaye abhenela emthethweni ukuze uwancede aqhubeke ekhonza eseluxolweni.

^ isiqe. 7 EAlchevsk, abadala ababini babuzwa imibuzo imini yonke. Bathi, ebudeni bengxwabangxwaba bakwazi ukukhonza ngaphandle kweziphazamiso kwiHolo yabo yoBukumkani ekufutshane neofisi yegosa. Sekunjalo omnye umdala wahlawuliswa imali engangeedola eziyi-83 ngokubiza intlanganiso enkulu ebudeni bexesha lemfazwe, needola eziyi-48 ngokungawuthobeli umthetho womlilo kwiHolo yoBukumkani.

^ isiqe. 8 Iindawo ezithile eLuhansk ziphantsi kweRiphabliki YaseLuhansk.

^ isiqe. 11 Ngehlobo lango-2014, umongameli waseUkraine wayalela ukuba abantu baye emfazweni eseDonestsk naseLuhansk. UVitaliy Shalaiko, owayelijoni laseUkraine kodwa ngoku oliNgqina, waphendula esithi isazela sakhe asimvumeli ukuba aye emkhosini. NgoJuni 23, 2015 Inkundla Ephakamileyo Ejonga Imiba Yasekuhlaleni Namatyala Ezaphuli-Mthetho EUkraine yalixhasa ilungelo lakhe lokungayi emkhosini ngenxa yesazela. AmaNgqina amaninzi eUkraine aye enza isigqibo esifanayo.