Yiya kwinkcazelo

JULAYI 25, 2017
EUKRAINE

Bekukho Amagosa Xa Bekubukwa Iofisi Yesebe YamaNgqina KaYehova EUkraine

Bekukho Amagosa Xa Bekubukwa Iofisi Yesebe YamaNgqina KaYehova EUkraine

ELVIV, eUkraine—NgoMeyi, 2, 2017 kwamkelwe abantu basekuhlaleni ukuba beze kubuka iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova. Le mini ivulele ithuba amagosa asekuhlaleni, izifundiswa, abaphathi beenkampani nabamelwane abahlala kwisixeko saseLviv ukuba babone umsebenzi owenziwa kwiofisi yesebe.

Bekukho nemiboniso yabantwana.

Isebe lilungiselele izinto eliza kuzibonisa abantu ezinjengemifanekiso, ividiyo ebonisa indlela ekusetyenzwa ngayo kwiofisi yesebe, imyuziyam ebonisa imbali nendawo eyenzelwe abantwana. UIvan Riher osisithethi samaNgqina KaYehova eUkraine uthi: “Siyaqala ukulungiselela abantu ukuba beze kubuka iofisi yethu yesebe ukususela ngo-2001. Apha eUkraine saziwa ngokufundisa abantu iBhayibhile kwizindlu ngezindlu, kodwa siyakuthanda ukumema abamelwane bethu ukuba beze kubona umsebenzi owenziwa kwiofisi yethu yesebe baze babone nendlela ebanceda ngayo abahlali.

Abantu ebebeze kubuka bafunde ngembali yamaNgqina KaYehova aseUkraine ngoxa bebekwimyuziyam.

UAndriy Yurash, umalathisi Wesebe Lonqulo Nobuzwe.

UAndriy Yurash, umalathisi Kwisebe Lonqulo Nobuzwe eUkraine, uthe xa ethetha ngomsebenzi owenziwa kwisebe: “Lo mzekelo wenkonzo yamaNgqina KaYehova ubonisa into enokwenziwa ukuze bonke abantu bathandane.”

Kulo nyaka, amaNgqina amkele abantu ukuba beze kubuka iofisi yesebe eseCameroon nekomkhulu lehlabathi eliseWarwick, eNew York.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EUkraine: UIvan Riher, +38-032-240-9323