Yiya kwinkcazelo

Ngoku amaNgqina KaYehova aseUkraine ayakwazi ukudibana kwizakhiwo ezirentiweyo ngaphandle kokuphazanyiswa

MATSHI 24, 2017
EUKRAINE

Inkundla Ephakamileyo YaseUkraine Ixhasa Ukukhonza Kwabantu Ngokukhululekileyo

Inkundla Ephakamileyo YaseUkraine Ixhasa Ukukhonza Kwabantu Ngokukhululekileyo

NgoSeptemba 8, 2016, INkundla Yomgaqo-siseko yaseUkraine iye yaxhasa ukuba abantu bakhonze ngokukhululekileyo ngaphandle kokuphazanyiswa ngurhulumente. Inkundla yayiphelisa inxalenye yomthetho waseUkraine ongeNkululeko Yesazela NeeNkonzo (Umthetho Wonqulo) ka-1991, owawufuna ukuba iinkonzo zifumane imvume kurhulumente ukuze zisebenzise izakhiwo ezirentwayo. INkundla Yomgaqo-siseko yagweba ngelithi ukucela imvume kurhulumente kuyangqubana nomthetho obonisa ukuba abantu banokukhonza ngokukhululekileyo. AmaNgqina KaYehova aseUkraine asivuyela esi sigwebo, kuba kwakunzima ukuba afumane iindawo zokurenta ukuze akhonze.

Amagosa Awawavumeli AmaNgqina Ukuba Aqhube Iinkonzo Zawo

Xa Umthetho Wonqulo wamiselwayo, amagosa anomkhethe asebenzisa lo mthetho ukuze aphelise izivumelwano zawo namaNgqina zokusebenzisa izakhiwo ukuze akhonze. Umzekelo woku koko kwenzeka ngehlobo lango-2012 xa amaNgqina KaYehova akumntla-mpuma weUkraine ayeza kuba nendibano yeentsuku ezintathu eSumy. Ayesele esisayinile isivumelwano ibe amalungiselelo okusebenzisa eli bala ayesele enziwe. Ngokuvumelana nomgaqo-siseko amaNgqina abaxelela abasemagunyeni ngale nkonzo yayiza kubakho. Xa kwakusele inyanga enye ukuba kubekho le nkonzo, Ibhunga Ledolophu yaseSumy lagqiba ekubeni ukubaxelela nje kwakunganelanga ibe oko lalikusekele kuMthetho Wonqulo. Ibhunga lalisithi amaNgqina ayemele afumane imvume ukuze akwazi ukulisebenzisa eli bala kwaye lona alizange libanike loo mvume.

Ngexesha elifutshane kwafuneka amaNgqina KaYehova aqhubele inkonzo yawo kwisixeko saseKharkiv nangona sikumgama oziikhilomita eziyi-200 ukusuka eSumy. Ngenxa yokutshintshwa kwendawo, amaNgqina ayi-3 500 kwafuneka azame amanye amacebo. Amanye awazange akwazi ukuya eKharkiv ngenxa yempilo okanye ngenxa yobudala. Amanye zange aye ngenxa yokuba awavunyelwanga emisebenzini ukanti amanye ayengenamali yokuya eKharkiv. Nakunyaka owalandelayo Ibhunga Ledolophu LaseSumy alizange livume ukuba babe nale nkonzo lisekela eso sigqibo kuMthetho Wonqulo.

UIllia Kobel, okwiofisi yasekuhlaleni yamaNgqina KaYehova wathi: “Ukungavunyelwa kwethu ukuba sisebenzise ibala eSumy ukuze sikhonze yayingeyonto iqalayo ukwenzeka. Kwiimeko ezininzi bekunzima ukufumana izakhiwo zokurenta ukuze sikhonzele kuzo.” Ngokomzekelo ngoMatshi 2012, amagosa edolophu yaseVinnytsia awazange awavumele amaNgqina ukuba asebenzise iholo erentwayo ukuze akhonze, kwanyanzeleka ukuba azame ezinye iindlela ngokukhawuleza. Kwiinyanga ezalandelayo emva koko, amagosa awazange alivumele ibandla laseMohyliv-Podilskyi ukuba lisebenzise esinye sezakhiwo ezirentwayo ukuze akhonze, nangona lalizisebenzisa kangangeminyaka emithathu. Kuba zazingekho ezinye iindawo ezifanelekileyo zokukhonzela, kwafuneka lisebenzise izindlu zabazalwana.

NgoFebruwari 2015, Inkundla yeNgingqi yaseVinnytsia iye yathi amaNgqina KaYehova ophula umthetho amaxesha amaninzi. Le nkundla yathi amaNgqina awazange ayicele imvume yokusebenzisa izakhiwo ukuze akhonzele kuzo ngaphandle kwaxa esebenzisa izindlu zabazalwana. Ukubaxelela nje kwakunganelanga.

AmaNgqina Afuna Kulungiswe Iingxaki Zomthetho

Kule minyaka yakutshanje, amaNgqina KaYehova ebekwazi ukudibana kwiindawo akhonzela kuzo ngaphandle kokuphazanyiswa ngurhulumente. Kodwa xa beza kuba neenkonzo zawo ezinkulu kuye kufuneke arente izakhiwo ekunokungena abantu abaninzi kuzo. Umgaqo-siseko waseUkraine uyazivumela iinkonzo ukuba zidibane kwizakhiwo ezirentwayo ngaphandle kweziphazamiso kodwa zimele zixelele amagosa aseburhulumenteni kwangethuba. UMnumzan’ uKobel wathi: “ Oyena nobangela wale ngxaki nguMthetho Wonqulo ophikisanayo nomgaqo-siseko, wona ongasinyanzeliyo ukuba sicele imvume kwabasemagunyeni. Ukuze silungise le ngxaki saye saxelela Igosa Elizimeleyo Lamalungelo Abantu kwiPalamente yaseUkraine.”

Umsebenzi weli gosa kukuqinisekisa ukuba ayahlonelwa amalungelo abantu baseUkraine akumgaqo-siseko nakumthetho welo lizwe. Emva kokuyijonga le ngxaki yamaNgqina KaYehova, eli gosa lavumelana nawo lisithi kukhona ukuphikisana phakathi komgaqo-siseko noMthetho Wonqulo. Umgaqo-siseko uyawavumela ukuba adibane kwizakhiwo ezirentwayo ukuba asifakile isicelo kwangethuba. Umthetho Wonqulo wona awuwavumeli ukuba adibane kwezi zakhiwo ngaphandle kokuba afake isicelo sokusisebenzisa kumagosa aseburhulumenteni kwintsuku ezilishumi ngaphambi kokuba azisebenzise.

Ngo-Oktobha 26, 2015, iofisi yeli gosa yafaka isicelo kwiNkundla Yomgaqo-siseko yaseUkraine iyichazela ngenxalenye yoMthetho Wonqulo onxamnye nomgaqo-siseko. Esi sicelo sathi ilungelo lokukhonza ngokukhululekileyo libalulekile kubo bonke abantu. Sicacisa ngokungakumbi ngeli lungelo, sathi: “Amazwe mawayeke ukubeka imithetho ephazamisa ilungelo labantu lokukhonza ngokukhululekileyo.” Ukuxhasa eli gosa, amaNgqina KaYehova abhala ileta emfutshane eya kwiNkundla yoMgaqo-siseko echaza iingxaki ebenazo ekurenteni izakhiwo ebekhonzela kuzo.

Inkundla Yomgaqo-siseko Iyawuphelisa Umthetho Wonqulo

Kwisigwebo seNkudla yoMgaqo-siseko sangoSeptemba 8, 2016, kwaqinisekiswa ukuba akukho mthetho uza kuphikisana nowomgaqo-siseko ibe abantu bangakhonza ngokukhululekileyo xa besifakile isicelo kumagosa aseburhulumenteni. Kwajongwa nangaphaya kwemithetho yelizwe ukuze kubonwe iGatya 9 leSindululo SaseYurophu Samalungelo Abantu, eliqinisekisa ngelungelo labantu lokukhonza ngokukhululekileyo, neGatya 11, elivumela abantu ukuba bakhonze ngokukhululekileyo ngaphandle kokuphazanyiswa ngurhulumente. INkundla yachaza ukungabikho semthethweni kwenxalenye 5 yeGatya 21 kuMthetho Wonqulo ka-1991, ofuna ukuba iinkonzo zifumane imvume kumagosa aseburhulumenteni ukuze zikwazi ukusebenzisa izakhiwo ezirentwayo.

Isigqibo Esivuyisayo

Ukuqhuba iinkonzo kwizakhiwo ezirentwayo akuxhomekekanga kumagosa karhulumente anokungabavumeli abantu ukuba bakhonze. Umgaqo-siseko uqinisekisa amaNgqina KaYehova ukuba aza kuvunyelwa azisebenzise izakhiwo ezirentwayo ukuze akhonze ukuba asifaka kwangethuba isicelo.

UMnumzan’ uKobel ethethela amaNgqina KaYehova angaphezu kwayi-140 000 uthi: “ Esi sigqibo seNkundla yoMgaqo-siseko siye senza sakwazi ukukhonza ngokukhululekileyo. Siyavuya kuba amagosa omthetho akazusiphazamisa xa sifuna ukusebenzisa ezi zakhiwo ukuze sikhonzele kuzo”