Yiya kwinkcazelo

Abazalwana bethu baseDonetsk naseLuhansk bayatshutshiswa. NgoMeyi 30, 2018, iHolo YoBukumkani yaseLuhansk yaqhekezwa, yamoshwa yaza yatshiswa.

OKTOBHA 15, 2018
EUKRAINE

IRiphabliki YaseDonetsk Iwuvalile Umsebenzi WamaNgqina KaYehova

IRiphabliki YaseDonetsk Iwuvalile Umsebenzi WamaNgqina KaYehova

NgoSeptemba 26, 2018, iRiphabliki yaseDonetsk ithe umbutho wamaNgqina kaYehova uyingonzi, yaza yawuvala umsebenzi wethu kwelo lizwe. Umtshutshisi omangalele amaNgqina kaYehova nenkundla khange bathetha namaNgqina xa bekusenziwa esi sigqibo. Ukuvalwa komsebenzi wethu ibe yinto yokugqibela emva kokucinezelwa kwamaNgqina kaYehova kule ndawo.

Abazalwana bethu baseDonetsk naseLuhansk kwimpuma Ukraine abahlelanga kakuhle ukususela oko inkundla ephakamileyo yaseDPR yathi ezinye zeempapasho zethu ziyingozi ngo-2017. Ngaloo nyaka, amapolisa ahlaba imibuzo amaNgqina angaphezu kwe-170. Abasemagunyeni bale ndawo baye boxutha iiHolo zoBukumkani zamaNgqina ezininzi ngokulandelelana. Ukususela ngoAgasti 2018, ziyi-16 iiHolo ZoBukumkani ezithathiweyo.

Nangona betshutshiswa ngale ndlela, abazalwana noodade abahlala kwezi ndawo, bayaqhubeka bethembele ‘ngoThixo osindisayo.’—INdumiso 18:46.