Yiya kwinkcazelo

Julayi 6, 2015
EUKRAINE

AmaNgqina KaYehova Asasaza Intlanganiso Ekhethekileyo Kummandla Wemfazwe EUkraine

AmaNgqina KaYehova Asasaza Intlanganiso Ekhethekileyo Kummandla Wemfazwe EUkraine

ELVIV, eUkraine—AmaNgqina kaYehova eUkraine aba nentlanganiso ekhethekileyo ngoFebruwari 14, 2015, eyayilungiselelwe ukunceda ngokomoya amaNgqina angaphezu kwe-17 000 ahlala kwindawo eyayidlakazwe yimfazwe kwimpuma yaseUkraine. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseLviv yasasaza kwimpuma yeUkraine nakwezinye iindawo kwelo lizwe olu cwangciso lweeyure ezimbini ngevidiyo. Le ntlanganiso yabakho ngexesha elifanelekileyo, kuba isiqhushumbisi esinamandla sahlasela idolophu elizibuko yaseMariupol ngoJanuwari 24, 2015, sisonakalisa imizi emi-3 yamaNgqina kunye namagumbi awo ayi-58. Elinye iNgqina lonzakala kakhulu, kwaza kwafa elinye elineminyaka eyi-16 kuphela.

Amalungu ebandla ahlanganisene kwiHolo yoBukumkani eMakiyivka—kummandla wemfazwe—ukuze amamele intlanganiso esasazwa lisebe laseUkraine.

Iofisi yesebe yaseUkraine isebenzisana neyaseRashiya, yalungiselela ukuba lonke olu cwangciso lube kwividiyo luze luboniswe amaNgqina aseBelarus nawaseRashiya. Oku kwenza ukuba amaNgqina ayi-186 258 aseBelarus nawaseRashiya akwazi ukulufumana ukongezelela kumaNgqina ayi-150 841 aseUkraine. Babeyi-337 099 abantu ababelubukele.

UGustav Berki, isithethi samaNgqina kaYehova eUkraine, uthi: “Ingxelo engoncedo olunikelwe eUkraine ibonisa ukuba lubathuthuzele kakhulu abo bakummandla wemfazwe. Ukuva ngemizamo yekomiti enikela uncedo eRostov-on-Don, eRashiya, kwenze saqiniseka ukuba izihlobo zethu eziziimbacu zihoyiwe.”

UYaroslav Sivulskiy, isithethi samaNgqina kaYehova eRashiya, uthi: “AmaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini lonke ngokuba noxolo nokungathathi cala kwiipolitiki. Le ntlanganiso ibixubusha neZibhalo ezibonisa ukuba kutheni singathathi cala. Ibethelele nesizathu sokuba singathathi cala kwimilo yomkhosi, kungathaliseki ukuba singabaseRashiya, abaseUkraine okanye singabantu balo naluphi na olunye uhlanga.”

AmaNgqina kaYehova amabini eHorlivka, kummandla waseDonetsk asinda xa isiqhushumbisi sadlakaza ikhaya lawo ngoxa ayengaphakathi.

Ngoku, iofisi yesebe yaseUkraine iye yaseka iiKomiti Zokunceda Ngexesha Lentlekele eziyi-14 ukuze zihoye abo baye bachatshazelwa yimfazwe. Ezi komiti ziye zanikezela ngeetoni eziyi-149 zokutya neziyi-21 zempahla kumaNgqina nakwabo bangengawo kuloo mmandla. Ziye zalungiselela iimbacu ezingaphezu kwe-7 600 iindawo zokuhlala, zaza zalungisa amakhaya aliqela onakeleyo, zisakha nalawo adilikileyo kunye neeHolo zoBukumkani (iindawo zokunqulela). Ngokomzekelo, kwisixeko saseMariupol, kudlule nje iintsuku ezimbini emva kohlaselo, iKomiti Yokunceda Ngexesha Lentlekele yabe sele ilungiselele amavolontiya ayi-160 ukuze aqalise umsebenzi wokulungisa amagumbi onakeleyo ayi-34.

Indawo yokupaka iimoto ekufutshane neHolo yoBukumkani (ayiboniswanga) eyantlithwa sisiqhushumbisi eMariupol.

UMnu. Berki uthi, uncedo olunikelwe phantsi kolwalathiso lweofisi yesebe yaseUkraine alukhange luphelele nje ekubahoyeni ngokutya nangempahla. Uthi: “Ukongezelela kule ntlanganiso ikhethekileyo, abaveleli abahambahambayo bayaqhubeka besiya kwimimandla yemfazwe eyi-136 enamaNgqina kaYehova. Njengoko kuqhelekile kumabandla amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke, abadala balapho benza konke okusemandleni abo ukubathuthuzela nokubakhuthaza ngokomoya abo babanyamekelayo.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Belarus: Pavel Yadlouski, tel. +375 17 292 93 78

Rashiya: Yaroslav Sivulskiy, tel. +7 812 702 2691

Ukraine: Gustav Berki, tel. +38 032 240 9323