Yiya kwinkcazelo

JULAYI 10, 2015
EUKRAINE

Ayahlaselwa Ngenxa Yeenkolelo Zawo KwiMpuma YeUkraine

Ayahlaselwa Ngenxa Yeenkolelo Zawo KwiMpuma YeUkraine

Eqhutywa kukucaphukela unqulo, amaqela axhobileyo kwimpuma yeUkraine aqweqwedisa aza aphatha kakubi amaNgqina kaYehova ayi-26 ukususela ngoAgasti 2014. AmaNgqina amaninzi ahlala kuloo ngingqi, ibe aziwa ngomsebenzi wawo wokushumayela nokungathathi icala kwiipolitiki. Amanye amalungu amaqela axhobileyo aye asebenzisa ithuba lokungabikho komthetho nocwangco kwelo lizwe aza awaphathel’ imbengwane amaNgqina ngokuwaphatha ngenkohlakalo. *

Iziganeko Zenkohlakalo

  • NgoMeyi 21, 2015, amapolisa abamba amadoda amabini angamaNgqina aneminyaka engaphezu kweyi-60 kwidolophu yaseStakhanov ngenxa yokuba ayesenza umsebenzi wonqulo. Atyholwa ngokuphazamisa uxolo aza agwetywa iintsuku eziyi-15 ngaphaya kwezitshixo. Ngoxa ayevalelwe ngamapolisa, la maNgqina mabini atyholwa ngokuba ziintlola ibe ayephekw’ esophulwa ngemibuzo ngentlangano yamaNgqina kaYehova. Amalungu ebandla abhena kumtshutshisi wasekuhlaleni ukuba awakhulule la madoda kodwa wasikhaba eso sicelo. Iintsapho namanye amaNgqina ayengavunyelwa ekuqaleni ukuya kubona la madoda mabini kodwa kamva avunyelwa ukusa ukutya, impahla namayeza kathathu ngeveki. Elinye iNgqina lakhululwa ngoJuni 2, 2015 laza elinye lakhululwa ngosuku olulandelayo. Ayalelwa ukuba ayishiye loo ngingqi.

  • NgoMeyi 17, 2015, eNovoazovsk amadoda axhobileyo abamba amaNgqina kaYehova amane, awagquma amehlo aza awakhomba ngompu awasa kwikomkhulu lamajoni asekuhlaleni. Awabetha kanobomi loo maNgqina kangangeeyure ezimbini ewoyikisa nangokuwabulala. Anyanzelisa ukuba iNgqina eliselula libe lilungu lomkhosi wawo nokuba onke amanye amaNgqina avume ukuba inkolo yobuOthodoki kuphela konqulo lokwenyaniso. AmaNgqina akhululwa emva kokuchitha ubusuku kwintolongo exineneyo.

  • Eminye yemivumbo yamadoda amabini angamaNgqina ayebanjiwe aza abethwa kummandla waseNovoazovsk

  • NgoJanuwari 22, 2015, amadoda amathathu athimba iNgqina emsebenzini walo eDonetsk. Intsapho yalo yayingayazi apho likhoyo nesizathu sokuba libe kuloo ndawo. Ngoxa lalivalelwe lacacisa ngokuphindaphindiweyo ngesizathu sokungathathi kwalo icala kwezopolitiko ibe lakhululwa emva kweentsuku ezisithoba.

  • NgoAgasti 9, 2014, ilungu lomkhosi wasekuhlaleni elixhobileyo laqweqwedisa amaNgqina amabini eStakhanov, eLuhansk. Ngoxa ayebanjiwe kangangeentsuku ezintandathu abethwa ngokuphindaphindiweyo aza oyikiswa ngokubulawa. Kwakhona ayengakunikwa ukutya okunesondlo, amanzi, impahla namayeza. Abaqweqwedisi bazama ukuwanyanzela ukuba alukhanyele ukholo lwawo, aphindaphinde izivumo zokholo zamaOthodoki aze akhonze imifanekiso yonqulo nto leyo eyayibonisa ngokucacileyo ukuba banengxaki nonqulo. Nakuba ayephathwa ngale ndlela, amaNgqina awazange anikezele.

AmaNgqina KaYehova aphila ngokuvumelana neenkolelo zawo yaye awalwi, awagayi nkxaso okanye axhase ngemali amaqela omkhosi alwayo eUkraine. Amaqela axhobileyo aye ahlasela amaNgqina ngenxa yokungathath’ icala nangokungathobeli kwawo iinkolelo zobuOthodoki. Olu hlaselo lwaluqatha ukuze anyanzeleke ukuba alukhanyele ukholo lwawo.

Ukunyamezela Phantsi Kweentshutshiso

Ekubeni urhulumente walo mmandla engazinzanga, amaNgqina akakancedakali. Ezi ziganeko nezinye ezinjengazo aye azichazela abantu abasehlabathini lonke kuquka iUN Special Rapporteur on Torture.

Phezu kwabo nje ubunzima abunyamezeleyo, amaNgqina KaYehova kwimpuma yeUkraine, azimisele ukuhlala engathath’ icala ibe aza kuqhubeka nokunqula elumkile. Anethemba lokuba amagunya asekuhlaleni aza kuwakhusela amalungelo abantu asisiseko enkululeko yonqulo.

^ isiqe. 2 Amadoda axhobileyo ahlasela uYuriy, okumfanekiso osekuqaleni, ngenxa yokuba eliNgqina likaYehova. Ngaxa lithile, ammisa endleleni xa wayebuya kwinkonzo yonqulo lwakhe, ukanti kangangezihlandlo ezibini amhlasela endlini yakhe. Anyanzelisa ukuba alukhanyele ukholo lwakhe aze ayeke ukuba liNgqina likaYehova.