Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 5, 2017
EUNITED KINGDOM

Iofisi Yesebe YamaNgqina Esandula Ukwakhiwa EBritani Ifumene Imbasa Ngenxa Yesakhiwo Esigqwesileyo

Iofisi Yesebe YamaNgqina Esandula Ukwakhiwa EBritani Ifumene Imbasa Ngenxa Yesakhiwo Esigqwesileyo

ELONDON—AmaNgqina KaYehova akha isakhiwo eBritani ibe ngokutsho kweZiko Elijongene Nomgangatho Wezakhiwo, ezi ndlela zisetyenzisiweyo zokwakha zikwizinga eliphezulu. Esi sakhiwo samaNgqina sikumgama ongangeekhilomitha eziyi-70 kwimpuma yaseLondon, eChelmsford, e-Essex ibe yindawo yesibini ukufumana le mbasa.

NgoMeyi 25, 2017, isakhiwo samaNgqina esiseChelmsford sibe sesesibini ukufumana imbasa yesakhiwo esigqwesileyo kwiZiko Elijongene Nomgangatho Wezakhiwo.

Eli Ziko lidumileyo lihlola ukuba somelele kangakanani isakhiwo, izixhobo ezisetyenzisiweyo ibe lihlola izakhiwo kwiinkalo zonke njengamandla ombane, ukulungela kwaso ukuhlala abantu, sisakhiwo sakutshanje, indlela osetyenziswe ngayo umhlaba, uhlobo lwezixhobo ezisetyenzisiweyo, indlela esiphathwa ngayo, ubumdaka, izithuthi ezisetyenziswayo, izinto ezingasafunekiyo namanzi. Emva koko, izakhiwo zifumana iziqinisekiso zokuba zivumelekile, zifanelekile, zifaneleke kakhulu, zisemagqabini okanye zigqwesile. Ukuze ibhunga ledolophu laseChelmsford livume ukuba amaNgqina akhe isakhiwo sawo, kwakufuneka esi sakhiwo ibe sesifaneleke kakhulu. UNeil Jordan, webhunga ledolophu yaseChelmsford, oyintloko kwibhodi ejongene neendawo ezifanelekileyo, uthe ngomsebenzi wokwakha wamaNgqina: “Kuyasivuyisa ukubona amaNgqina efikelele kulo mgangatho ade enza nomsebenzi ongaphezulu lee koko ibhunga ledolophu belikulindele.” Wongezelela wathi: “Esi sakhiwo siyeyona nto sizidla ngayo kwidolophu yethu kuba sifumene le mbasa iphezulu.”

Ukongezelela kwisiqinisekiso esifunyenwe ngenxa yesakhiwo esigqwesileyo, kujongwe nento yokuba abantu baza kukwazi na ukuhlala kwesi sakhiwo ngenxa yendlela esakhiwe ngayo. AmaNgqina akwazile ukuphungula ikhabhon esemoyeni eziitoni eziyi-2 480, ngokuthi abantu abasebenza kwindawo ekwakhiwa kuyo bahlale khona baze bathuthwe ngeebhasi nangeezinye indlela. Oku kubangele ukuba amaNgqina awongwe. UMnumzan’ uJordan ucacise wathi: “Olu lwakhiwo lusibonise iindlela ezintsha zokuphungula ikhabhon esemoyeni ibe eli wonga beliqala ukukhutshwa liZiko Elijongene Nomgangatho Wezakhiwo.”

UMnumzan’ uPallab Chatterjee umhloli kwiZiko Elijongene Nomgangatho Wezakhiwo.

UMnumzan’ uPallab Chatterjee uthethe ngendlela asebenze ngayo namaNgqina wathi: “Ndiyithandile indlela asebenza kamnandi ngayo amaNgqina, inqabe kakhulu loo nto. AmaNgqina ebezimisele kakhulu ukusebenzisa iindlela eziphumelelayo zokwakha ebezilindelwe liZiko Elijongene Nomgangatho Wezakhiwo. Eyona nto ebeyifuna kukwakha isakhiwo esikwizinga eliphezulu kunokuba enze izinto ezifunwa leli Ziko. Bendimangaliseke kakhulu yindlela abaqhubene ngayo abantu basekuhlaleni nabantu abaza kuhlala kule ndawo. Lo ibingomnye wemisebenzi ebendiwonwabele kakhulu ukuwenza.”

UAndrew Schofield, isithethi samaNgqina KaYehova saseBritani, sithe: “Kangangeminyaka eyi-60, isakhiwo sethu besiseLondon. Kodwa ke, kuye kwafuneka izakhiwo ezikhulu ngenxa yokufuneka kweencwadi zeBhayibhile nezinye izinto. Siye saqalisa ukulungiselela ukwakha kwisiza sethu esikhulu ngoAprili 2015 ibe sifuna ukuwugqiba lo msebenzi ekupheleni kuka-2019.”

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EUnited Kingdom: UAndrew Schofield, +44-20-8906-2211