Yiya kwinkcazelo

JUNI 27, 2017
EUNITED KINGDOM

AmaNgqina Ayanceda Emva Kokutsha Kwesakhiwo ELondon

AmaNgqina Ayanceda Emva Kokutsha Kwesakhiwo ELondon

AmaNgqina KaYehova aye anceda amaxhoba omlilo oyingozi oye wanwenwa kwiGrenfell Tower, isakhiwo esinemigangatho eyi-24 kuMntla weKensington eLondon, ngentseni yangoJuni 14, 2017. Abasemagunyeni bathi bayi-79 abantu abaye basweleka.

AmaNgqina amane aye akhutshwa kweso sakhiwo, amabini kuwo ahlala eGrenfell Tower. Iindaba ezimnandi zezokuba akukho Ngqina lonzakeleyo, nangona izindlu zawo zitshe zaphela. AmaNgqina ahlala kufutshane nesi sakhiwo aye anika amaNgqina nabantu abahlala apho ukutya, impahla nemali. AmaNgqina akwathuthuzela ngeBhayibhile abo baswelekelweyo kuMntla weKensington.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EUnited Kingdom: UAndrew Schofield, +44-20-8906-2211