Yiya kwinkcazelo

AGASTI 30, 2017
EVENEZUELA

AmaNgqina KaYehova AseVenezuela Aqhubeka Eshumayela Nangona Imeko Yezoqoqosho Imbi

AmaNgqina KaYehova AseVenezuela Aqhubeka Eshumayela Nangona Imeko Yezoqoqosho Imbi

ENEW YORK—Amajelo eendaba amazwe ngamazwe aye athetha ngezinto ezenzeka eVenezuela ezibangelwa yimeko embi yezoqoqosho. IKomiti Yesebe yaseVenezuela ithi ezi zinto ziyenzeka nakubazalwana noodade balapho. IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova likhathazeke kakhulu ngento eyenzeka eVenezuela.

Izikrelemnqa ziye zangena kwezinye iiHolo ZoBukumkani kuqhutywa iintlanganiso zaphakathi evekini, zathatha izixhobo ze-elektroniki nezinye izinto ezibiza imali. Ngamanye amaxesha imilo iye ibangele ukuba kube nzima ukuba abazalwana baye kwiiHolo ZoBukumkani, baze baqhubele iintlanganiso kumakhaya abazalwana. Iindawo ezininzi ekuphangelwa kuzo ziye zavalwa, ngoko abazalwana noodade abaninzi baye baphelelwa yimisebenzi. Abanye abanamashishini baye bahlaselwa zizikrelemnqa, kwanyanzeleka ukuba bawathengise baze babalekele kwamanye amazwe. Okubuhlungu kukuba, kule minyaka idlulileyo kuye kwabiwa abazalwana noodade abayi-680, abangaphezu kwe-13 146 baye bahlaselwa zizikrelemnqa baza abayi-144 badlwengulwa okanye basinda ekudlwengulweni. Ukususela ngoAgasti 10, 2017, iindaba ziye zathi kuye kwabulawa abazalwana noodade abayi-47. Abanye babulewe kukungafumani nyango.

IQumrhu Elilawulayo lisebenzisa iminikelo ukuze lincede aba bazalwana noodade ngezinto abazidingayo. Lithetha namanye amasebe ukuze kucingisiswe ngendlela abanokuncedwa ngayo abazalwana noodade baseVenezuela engazukubeka ubomi babantu engozini.

IKomiti Yesebe yaseVenezuela iye yamisela ikomiti yoncedo olungxamisekileyo ejongene neekomiti eziyi-24 ezikweli lizwe ukuze kuncedwe abazalwana. Ngoxa abavakalisi abangaphezu kwe-149 000 benyamezele iintlungu ezibangelwa yile ‘mihla yokugqibela,’ abayekanga ukuxelela abantu ngomyalezo othuthuzelayo oseBhayibhileni. (2 Timoti 3:1-5; 2 Timoti 4:2) ULuis R. Navas, osisithethi kwiofisi yesebe yaseVenezuela uthi: “Entsimini sikhuthele ngaphezu kokuba besinjalo ngaphambili, kwaye imiphumo mihle kakhulu. Ngoku baninzi abantu abezayo kwiintlanganiso. Abavakalisi abaninzi bangoovulindlela abathe ngxi, kodwa balumka kakhulu xa besentsimini. Abantu esishumayela kubo bayazi ukuba asithathi cala kwaye asizozikrelemnqa, ngoko bayasamkela xa size kubaxelela ngethemba nangentuthuzelo eseBhayibhileni.”

AmaNgqina KaYehova aseVenezuela aza kuqhubeka encedana yaye ethuthuzela abamelwane bawo. Nabazalwana noodade abasehlabathini baza kuqhubeka bebanceda yaye bebathandazela.—Roma 12:12, 13; 2 Korinte 1:3, 4.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EVenezuela: ULuis R. Navas, +58-244-400-5000