Yiya kwinkcazelo

AGASTI 10, 2015
EZIMBABWE

AmaNgqina AseZimbabwe EbeneeNdibano Ngo-2015 Ezinomxholo Othi “Yiba NjengoYesu!” Emva Konyaka Bekukho Eyezizwe Ngezizwe

AmaNgqina AseZimbabwe EbeneeNdibano Ngo-2015 Ezinomxholo Othi “Yiba NjengoYesu!” Emva Konyaka Bekukho Eyezizwe Ngezizwe

EHARARE, eZimbabwe—AmaNgqina kaYehova ebeneeNdibano ZeNgingqi zika-2015 ezinomxholo othi, “Yiba NjengoYesu!” ngoLwesihlanu, ngoJulayi 31. Ezi ndibano zeentsuku ezintathu zilungiselwe ukuba zibekho ngo-Oktobha iiveki ezingaphezu kweziyi-12 zilandelelana.

UGeoffrey Jackson, olilungu leQumrhu Elilawulayo, unikela intetho kwindibano yengingqi yango-2014 yaseZimbabwe. Uxhagwe ngamaNgqina asekuhlaleni amabini atolika ngexesha elinye.

UJohn Hunguka, isithethi samaNgqina kaYehova saseZimbabwe uthi: “Sijonge phambili kakhulu kule ndibano yalo nyaka ngenxa yempumelelo yendibano ka-2014 yezizwe ngezizwe ebiseHarare ebiyimbali yamaNgqina kaYehova kweli lizwe.” Elinye iphephancwadi laseZimbabwe iNewsDay lathi, indibano yezizwe ngezizwe “ibiyeyona ndibano yenkonzo yakha yankulu” elizweni lethu ibe iye yenza amaNgqina kaYehova “angawona kuthethwa kakhulu ngawo ezindabeni” ngo-2014.

Abantu abangaphezu kwabayi-82 000 babezalise iNational Sports Stadium yaseHarare kusuku lokugqibela lwendibano ka-2014. Kolunye udliwano-ndlebe, uJohn Jubber, othethela iofisi yesebe yamaNgqina eZimbabwe wathi: “Besineendwendwe eziyi-3 500 ezisuka eBrazil, eJamani, eMerika, eZambia naseKenya.”

Ikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York ladlan’ indlebe noMnu Walter Mzembi, uMphathiswa wezoKhenketho kwiRiphabliki yaseZimbabwe.

Le ndibano iye yanegalelo elikhulu kwingingqi yethu kangangokuba uMphathiswa wezoKhenketho uWalter Mzembi waseZimbabwe, uye watyelela ikomkhulu lamaNgqina eNew York waza walibulela ngokuba likhethe iZimbabwe ukuze kubekho indibano yezizwe ngezizwe. Kolunye udliwano-ndlebe uMnu Mzembi wathi: “Ndinomyelezo osuka kubantu baseZimbabwe othi, ‘Kutheni singena kuba nayo indibano yamaNgqina kaYehova veki nganye eHarare?’ . . . umongameli wethu uthumele umbulelo kwaye uthi angathanda ukuphinda anibone kwakhona niqhubeka nomsebenzi wenu wokukhulisa ukholo elizweni lethu.”

Kulo nyaka amaNgqina kaYehova aseZimbabwe aza kube eneendibano zeNgingqi eziyi-39 kwiindawo ezahlukeneyo, kuquka ibala laseZimbabwe i-International Trade Fair Grounds. Ucwangciso luza kuqhutywa ngesiTshayina (isiMandarin), isiChitonga (saseZimbabwe), isiNgesi, isiNdebele (saseZimbabwe), isiShona, isiSwahili, neNtetho yeZandla yaseZimbabwe. Ukuze ufumane umhla nendawo eziza kubanjelwa kuyo iindibano eZimbabwe, yiya kwiwebhsayithi esemthethweni yamaNgqina u-jw.org.

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Zimbabwe: John Hunguka, tel. +263 4 2910591