Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 4, 2017
ICENTRAL AFRICAN REPUBLIC

AmaNgqina KwiCentral African Republic Abaleka Iimfazwe

AmaNgqina KwiCentral African Republic Abaleka Iimfazwe

Ilungu lekomiti enceda xa kukho intlekele linikezela ngezinto zokunceda.

EDOULA, eCameroon—Ukuqatsela kweemfazwe ezibangelwa bubuhlanga nalunqulo kwiCentral African Republic kubangele amaNgqina KaYehova abalekela kumazwe aselumelwaneni eCameroon nakwiDemocratic Republic of Congo, apho aye amkelwa ngobubele ngamanye amaNgqina.

Emva kwenye imfazwe, ngoJulayi 13, 2017 amaNgqina KaYehova amalunga nayi-15 neentsapho zawo, kuquka nosana olusandula kuzalwa abalekela eMbai Mboum kwimpuma yeCameroon. Kwiveki elandela leyo, kwabakho enye imfazwe, amaqela axhobileyo atshisa izindlu aza amaNgqina KaYehova amalunga nayi-60 aseBangassou KwiCentral African Republic, abalekela kumda okwidolophu iNdu, eDemocratic Republic of Congo.

Usana olusandula kuzalwa luphakathi kwabantu ababaleke imfazwe.

UJean-Bernard Fayanga, isithethi samaNgqina KwiCentral African Republic sithe: “Siyavuya kuba akukho maNgqina aswelekileyo ngenxa yezi mfazwe. Sisebenza kunye neofisi yesebe yaseCameroon neyaseCongo ukuze simisele kwezo ngingqi iikomiti ezinceda xa kwehle intlekele ukuze zincede amaNgqina ngamanzi, ukutya, indawo yokuhlala nangentuthuzelo yeZibhalo.”

Abadala abangamaNgqina balungiselela ukuba kubukelwe iividiyo zeBhayibhile ngolwimi lwesiSango ukuze kuthuthuzelwe abantu ababaleke imfazwe.

IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova elikwikomkhulu lehlabathi livelela umsebenzi wokunceda xa kukho iintlekele lisebenzisa iminikelo yomsebenzi wokushumayela eyenziwa ehlabathini lonke.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

ECameroon: UGilles Mba, +237-6996-30727

KwiCentral African Republic: UJean-Bernard Fayanga, +236-7575-1605