MEYI 18, 2015
KUMZANTSI KOREA
IJaji kuMzantsi Korea Ifumanise Bengenatyala Abo Bangavunyelwa Zizazela Zabo Ukuya Emkhosini
NgoMeyi 12, 2015, iNkundla yeNqila yaseGwangju yawisa isigwebo sokuba amaNgqina amathathu ayengenatyala lokungavumelani ngabom nemithetho yokuya emkhosini. IJaji EyiNtloko, uChoi Chang-seok wathatha esi sigqibo: “Kubalulekile ukuvisisanisa inkululeko yesazela kuMgaqo-siseko kunye noko ukutshoyo ngokukhuselwa kwelizwe.” Yongeza ngelithi: “Xa amalungelo asisiseko sommi engqubana noko kufunwa ngumgaqo-siseko, kubalulekile ukusebenzisa umthetho ukuze omabini amacala abe nokungenelwa kangangoko kunokwenzeka.” AmaNgqina alindele ukuba umtshutshisi angabhena zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe.