Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 1, 2013
KUMZANTSI KOREA

Abantu Ehlabathini Bakhalel’ Impatho-mbi EMzantsi Korea

Abantu Ehlabathini Bakhalel’ Impatho-mbi EMzantsi Korea

EMzantsi Korea kuvalelwa abafana abangamakhulu-khulu ngapha kwezitshixo kodwa babe bengaphulanga mthetho. Ngoba? BangamaNgqina kaYehova, ibe baye bakhetha ukuthobela izazela zabo ngokungavumi ukuya emkhosini. IKorea ayiwakhuseli amalungelo abantu abazenzela ukhetho lokungayi emkhosini, ngoko amaNgqina aye avalelwe entolongweni. Kule minyaka iyi-60 idluleyo, amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-17 000 aye avalelwa ngenxa yokwala ukuya emkhosini.

Ukuze lo mba uziswe engqalelweni, iofisi yamaNgqina kaYehova ekuMzantsi Korea iye yenza incwadana enomxholo othi,  Conscientious Objection to Military Service in Korea. Le ncwadana, iyiveza elubala indlela iKorea eye yasilela ngayo ekusebenziseni imigaqo yomthetho ukuze ikhusele abantu abangavumiyo ukuya emkhosini. Ikwabalisa nangembali emfutshane yabafana abangamaNgqina abaye banyamezela ukuthothoza eziseleni kuba bethobela izazela zabo. UMnu. Dae-il Hong ongummeli weofisi yamaNgqina kaYehova eseKorea, noPhilip Brumley oliGqwetha lamaNgqina kaYehova eNew York, basithela tshuphe ngezinye iinkalo zalo mba.

Abantu bamanye amazwe bawujonga njani lo mba woMzantsi Korea?

UPhilip Brumley uthi: Aliqela amazwe aye aphokoz’ izifuba zawo ngale mpatho imbi kangaka yenziwa yiKorea, yokungabavumeli abantu ukuba bazikhethele ukungayi emkhosini. Olunye uhlolisiso olwenziwe yiUN Universal Periodic Review, lubonisa ukuba amazwe asibhozo—iHungary, iFransi, iJamani, iPoland, iSlovakia, iSpeyin, iUnited States neOstreliya—aye ayibongoza iKorea ukuba iyeke ukugweba abantu abangafuniyo ukuya emkhosini kunoko ibanike eminye imisebenzi engenanto yakwenza nomkhosi. *

UDae-il Hong uthi: Kumatyala ayi-4 aquka abantu abayi-501 abangavumiyo ukuya emkhosini, iUN Human Rights Committee (CCPR) yayibek’ ityala iRiphabliki yaseKorea yaza yathi yenze ngokungekho mthethweni xa yabagweba yaza yabavalela entolongweni. Le Komiti yathi, “ilungelo lokungavumi ukuya emkhosini lihambelana nelokuba nenkululeko yokucinga nantoni na ofuna ukuyicinga, eyokusebenzisa isazela kunye neyonqulo. Le nkululeko ivumela nabani na ukuba enze ukhetho lokuba uyafuna okanye akafuni na ukuya emkhosini. Ngenxa yayo akukho mntu ofanele anyanzele abanye.” *

IHuman Rights Council yeUN nayo yathetha into enye, kwingxelo yayo enomxholo othi, “Ingxelo Yabangafuniyo Ukuya Emkhosini.” Le ngxelo inemithetho nemigaqo esetyenziswa kumazwe amaninzi awahlonelayo amalungelo abantu okuzikhethela ize iyigalele amanzi into yokunyanzelwa kwabantu ukuba baye emkhosini. *

Uthini urhulumente waseKorea ngezi zikhalo zingaka?

Isakhiwo SeNkundla Ephakamileyo

UPhilip Brumley uthi: Akukho nto ayenzileyo urhulumente waseKorea ngezigqibo ezenziwe yiCCPR. Ngoko uye wasilela ukusebenzisa izigqibo ezenziwe ngamanye amazwe kulo mba waza akavuma ukunika abantu baseKorea ilungelo lokuzikhethela. Ukongezelela, iNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Korea neyoMgaqo-Siseko iye yazibetha ngoyaba izigqibo zeCCPR ngokuzikhaba ngawo omane izibheno eziye zafakwa kula matyala. IKorean National Assembly ayikakhuphi myalelo wokuba kubekho eminye imisebenzi enokwenziwa ngabantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo, ayikenzi namalinge okubakhusela.

Ubomi baba bafana bangamaNgqina kaYehova buye banjani emva kokuvalelwa entolongweni?

UDae-il Hong uthi: Aba bafana banesibindi. Bayayazi ukuba urhulumente uza kubathothozisa kwesimnyama isisele okwangoku. Kodwa abazifihli. Bahlala bengumzekelo omhle kakade, ayitshintshi loo nto naxa besentolongweni. Into ebuhlungu yeyokuba xa bekhululwa, kubanzima gqitha ukufumana umsebenzi. Bavalelwa unyaka onesiqingatha ngapha kwezitshixo babe bengenzanga nto. Iintsapho zabo kwafuneka ziqhubeke nobomi ngaphandle kwabo. Zibuhlungu ezi meko yaye aziyomfuneko.

Ngaba amaNgqina kaYehova aseKorea kufuneka abanjwe kuba engafuni ukuya emkhosini?

UDae-il Hong uthi: Akumele kube njalo! Aba bafana abazozikrelemnqa. AmaNgqina kaYehova aseKorea nakuwo onke amanye amazwe aziwa njengabemi abaseluxolweni nabathobela imithetho. Bayamhlonela urhulumente, babhatala iirhafu baze basebenzisane nabahlali. Kutshanje enye ijaji yaseKorea iye yagweba omnye umfana oliNgqina ngenxa yokungavumi ukuya emkhosini. Emva kokuba ilikhuphe latsola elokuba ayinakumyeka kodwa imele imbeke ityala ize imgwebe, ijaji yafunda isigqibo. Yandula yazigquma ngamaphepha yaqalisa ukuchiphiza. Le jaji yabona ukuba le nto yenzekayo ayikho semthethweni, yiyo lo nto yathi ciphi-ciphi iinyembezi. Abanye ababekho enkundleni bayincedisa kuba beyibona le nto yenzekayo.

UPhilip Brumley uthi: Ngoku lixesha lokuba iKorea iyisombulule le ngxaki ekudala ikhona, ize isebenzise imigaqo ngendlela yokuba abantu bakwazi ukuba nenkululeko yokuzikhethela.

^ isiqe. 5 IHuman Rights Council “Report of the Working Group on the Universal Periodic Review,” 12 Disemba 2012, A/HRC/22/10, iphepha 7 nele-22, isiqendu 44 nese-124.53.

^ isiqe. 6 Ityala likaJong-nam Kim et al. neThe Republic of Korea, communication no. 1786/2008, iimbono ezamkelwe yile Komiti ngo-Oktobha 25, 2012, iphepha-7, isiqendu 7.4

^ isiqe. 7 IHuman Rights Council “Ingxelo yabangafuniyo ukuya emkhosini,” 3 Juni 2013, A/HRC/23/22, iphepha 3-8, isiqendu 6-24; iphepha 9, 10, isiqendu 32, 33.