Yiya kwinkcazelo

JULAYI 7, 2015
KUMZANTSI KOREA

Ngaba IiJaji ZaseMzantsi Korea Zikulungele Ukusebenzisa Imigaqo Yamanye Amazwe Yokuvumela Abantu Bangayi Emkhosini Ngenxa Yesazela?

Ngaba IiJaji ZaseMzantsi Korea Zikulungele Ukusebenzisa Imigaqo Yamanye Amazwe Yokuvumela Abantu Bangayi Emkhosini Ngenxa Yesazela?

INkundla yoMgaqo-siseko yakuMzantsi Korea iza kuphinda ihlolisise enoba ukwala kukarhulumente ukuhlonela ilungelo lokungayi emkhosini ngenxa yesazela kuyavumelana nomgaqo-siseko welizwe. * Kwiminyaka emine edluleyo, ngo-2011, iNkundla yathi, ngokoMthetho weNkonzo yaseMkhosini wakuMzantsi Korea ukohlwaya abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela zabo akungqubani nomgaqo-siseko. Yathetha into efanayo nakwisigwebo sayo ngo-2004.

Ngoku ngoJulayi 9, 2015, iNkundla iza kwenza into engaqhelekanga yokuphinda imamele amatyala amathathu abantu abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yesazela. Imibutho emininzi iye yacebisa iNkundla ngemithetho enokusetyenziswa kwelo tyala ukuze ixhase eli lungelo. Njengoko ukwala ukuya emkhosini kuqhelekile yaye kwamkelekile kumthetho wamanye amazwe, ukutshitshiliza koMzantsi Korea ukutshintsha kuyenza ijongwe ngumhlaba wonke.

Iya Iqatshelwa Lihlabathi Lonke

IKomiti Elwela Amalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo iye yathi uMzantsi Korea mawutshintshe. Ukususela ngo-2006, le komiti iye yakhupha izigwebo ezintlanu eziphathelele abantu abayi-500 abalayo ukuya emkhosini ngenxa yezazela * yaye ithi uMzantsi Korea ufanele usebenzise imigaqo eqinisekisa ilungelo lokungayi emkhosini ngenxa yesazela.

IAmnesty International, umbutho wamalungelo abantu oseLondon, uye wabhiyozela i-International Day of Conscientious Objectors ngokujonga indlela uMzantsi Korea obaphatha ngayo abo balayo ukuya emkhosini ngenxa yezazela kwinqaku likaMeyi 13, 2015. Lathetha kakhulu ngamaNgqina aselula akwiminyaka yokuya emkhosini nobunzima ajamelana nabo phantsi komthetho okhoyo eMzantsi Korea. Kwangaloo veki, amajelo eendaba asehlabathini, anjengoCNN neThe Washington Post, ayenamanqaku athetha ngokwala ukuya emkhosini ngenxa yesazela nangamaNgqina aselula athabathe eso sigqibo.

Imiqobo Ezijamelene Nayo Iijaji

Xa iNgqina likaYehova lisala ukungenelela inkonzo yomkhosi eMzantsi Korea, iijaji ziye zimfumanise enetyala lokwaphula ngabom umthetho wokuya emkhosini. Noko ke, iijaji ziye zifumanise kunzima ukugweba umfana oselula ongekho ndlongondlongo onetyala ngenxa nje yokuba ephila ngokweenkolelo zakhe. * Kwesinye isihlandlo, ijaji eyayichophele ityala kwiNkundla yeNqila eSuwon yalila ngexesha eyayigweba iNgqina ngenxa yokuba yayingenayo enye indlela ngaphandle yokulifumanisa linetyala.

NgoMeyi 12, 2015, ijaji kwiNkundla yeNqila yaseGwangju yawisa isigwebo sokungabi natyala. Ngenxa yemilinganiselo yayo eyashukumisela indlela eyayivakalelwa ngayo kwityala lamaNgqina kaYehova amathathu, le jaji yenza ngokuchasene namatyala awayexoxwe ngaphambili. Izama ukuba kubekho utshintsho, yathi kuwo: “Into endinokunenzela yona kukuwuqala nje umlilo ngethemba lokuba niya kuwenza uvuthe.” Umtshutshisi uye wabhena.

Kunokuba zigwebe abo bangayiyo emkhosini ngenxa yezazela, iijaji zenkundla zenqila ezisixhenxe ziye zathumela amatyala kwiNkundla yoMgaqo-siseko, nakuba iNkundla iye yagweba ngo-2004 nango-2011 ngalo mba. Ezi jaji azifuni ukugweba umfana oselula ukuba avalelwe entolongweni kuba nje esenza ngokwesazela sakhe. Kwelinye ityala, iJaji uYoung-hoon Kang weNkundla yeNqila ekuMntla weSeoul yathi, ukohlwaya abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela bekuyakuthetha ukunyhasha amalungelo nobuntu babo. Oko kuphelisa isidima somntu.

Iijaji Zikhuthazwa Ukuba Ziphembelele Izigqibo Zenkundla”

NgoDisemba 2014, Umbutho Wamagqwetha WaseKorea waba nentlanganiso eyayithetha ngokwala ukuya emkhosini ngenxa yesazela. Kwintetho kaSu-an Cheon owayeyiJaji kwiNkundla Ephakamileyo wathi, izigqibo ezenziwa yiKomiti Elwela Amalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo noko siceba ukukwenza iSigqeba Samalungelo Abantu SeZizwe Ezimanyeneyo nxamnye noMzantsi Korea lihlazo elikhulu. Waqhubeka esithi, ukuvalela entolongweni abafana abaselula abaninzi akunakuthetheleleka yaye wakhuthaza iijaji namagqwetha awayekho ukuba aphembelele izigqibo zenkundla ukuba zigwebe amatyala zisebenzisa imigaqo yehlabathi lonke.

UNksk. Cheon waqukumbela ngelithi: “Kufuneka sikhawuleze sibe nomnye umsebenzi olungiselelwe abo bangafuniyo ukuya emkhosini. . . . Ukulungiselela omnye umsebenzi kunokuba yimbalasane eKorea, nempumelelo enkulu kwicandelo lamalungelo abantu kulawula umongameli wokuqala olibhinqa. Leyo kuphela kwendlela esinokukwazi ngayo ukuphelisa ukugxekwa ngokuba lilizwe elisemva ngokuphathelele imiba yamalungelo abantu.”

Ngaba Inkundla YoMgaqo-siseko Iza Kuthobela Imigaqo Yehlabathi Lonke?

Kangangamashumi eminyaka, amaNgqina kaYehova amaninzi eMzantsi Korea aye anyamezela ukuvalelwa entolongweni ngenxa yeenkolelo zawo zokungafuni ukuya emkhosini ngenxa yesazela. Ejonge ngamehlo abomvu isigqibo seNkundla, ayabuza: Ngaba iijaji zeNkundla yoMgaqo-siseko zikulungele ukumela abo bangayiyo emkhosini ngenxa yezazela? Ngaba uMzantsi Korea uza kulandela imigaqo yamalungelo abantu esetyenziswa ehlabathini lonke?

^ isiqe. 2 IRiphabliki yaseKorea iyalityeshela ilungelo lokungayi emkhosini ngenxa yesazela. Kwiminyaka eyi-60 egqithileyo, iye yavalela entolongweni amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-18 000 aye ala ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zawo. Ukuze ufumane uludwe lwamaNgqina avalelweyo kuMzantsi Korea, bona inqaku elithi, “Babanjelwe Ukholo Lwabo.”

^ isiqe. 5 Communications Nos. 1321/2004 and 1322/2004, U.N. Doc. CCPR/C/88/D/1321-1322/2004, 3 November 2006; Communications Nos. 1593 to 1603/2007, U.N. Doc. CCPR/C/98/D/1593-1603/2007, 23 March 2010; Communications No. 1642-1741/2007, U.N. Doc. CCPR/C/101/D/1642-1741/2007, 24 March 2011; Communication No. 1786/2008, U.N. Doc. CCPR/C/106/D/1786/2008, 25 October 2012; Communication No. 2179/2012, U.N. Doc. CCPR/C/112/D/2179/2012, 15 October 2014.