Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 12, 2014
KUMZANTSI KOREA

Amagqabantshintshi Endibano Yezizwe Ngezizwe: AmaNgqina Akhulula IBhayibhile Kwibala LaseSeoul

Amagqabantshintshi Endibano Yezizwe Ngezizwe: AmaNgqina Akhulula IBhayibhile Kwibala LaseSeoul

UDavid Splane, ilungu leQumrhu Elilawulayo, ukhulula INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ngesiKorea.

ESEOUL—Kwindibano yezizwe ngezizwe eSeoul, eKorea enomxholo othi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” amaNgqina kaYehova akhulula INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo ngesiKorea. Le ndibano ibibanjwele kwibala laseSeoul ngoSeptemba 6-8, 2014. Bonke ababekho abayi-56 867 kuquka nabo bayi-59 091 ababebukele eBusan, eDaejeon, eGwangju, eJeju, eSuwon naseYeosu bafumana iiBhayibhile simahla. UJoon-yeong Choi uthi: “Eyona nto ndingasoze ndiyilibale ngale ndibano kukukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ehlaziyiweyo.”

Abantu abangaphezu kwabayi-56 000 ababekho banandipha le ndibano.

Le ndibano yananditshwa ngamaNgqina asuka eKhanada, eFinland, kwiiPhilippines, ePoland naseMerika. Isithethi samaNgqina kaYehova uDae-il Hong wathi: “Sisebenze nzima silungiselela le ndibano yaye ibisemagqabini. Sikuvuyele ukuba nesi sihlandlo sikhethekileyo.”

IiBhayibhile ezinkulu.

Kwakukho iiBhayibhile ezinkulu ngendlela engaqhelekanga kweli bala, kwathi kanti ngamaqula obhaptizo! Kwabhaptizwa abantu abayi-630 eSeoul kuquka nabayi-596 kwezinye iindawo. Bebonke babeyi-1 226.

Amaqula obhaptizo.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EKorea: UDae-il Hong, tel. +82 31 690 0033