Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 14, 2014
KUMZANTSI KOREA

Abahlali BakuMzantsi Korea Bazikise Ukucinga Ngenkululeko Yesazela

Abahlali BakuMzantsi Korea Bazikise Ukucinga Ngenkululeko Yesazela

KUHLOLISISO olwenziwa eSeoul, eKorea, lubonisa ukuba abantu abaninzi balala ngengub’ enye norhulumente welo, xa esithi abo bangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela bamele babe neminye imisebenzi abayenzela ilizwe labo engalawulwa ngumkhosi. Ukususela ngoNovemba 4-7, 2013, kuye kwenziwa uhlolisiso kubantu abayi-1 211 eKorea, i-68% yabo iye yathi kubhetele abantu benzele ilizwe eminye imisebenzi kunokuba bavalelwe entolongweni xa bengavumi ukuya emkhosini. Olu hlolisiso lubonisa ukuba abahlali baseKorea baye bayitshintsha indlela abacinga ngayo kulo mba, kuba ngo-2008, kwakuhlolisiso olufanayo yayiyi-29% kuphela eyathi makubekho eminye imisebenzi eyenziwayo engenanto yakwenza nomkhosi.

Kubonakala ngathi nezinye iingcali zomthetho beziya kufuna kube njalo. Kwincwadi yakhe ethi, “Dilemma Surrounding Conscientious Objection to Military Service,” uHan In-seop, oyiprofesa kwiCandelo Lezomthetho kwiYunivesithi yaseSeoul, uthi: “Akukho jaji ebiya kuthi abantu abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo bophule umthetho. Abavalelwa nokuvalelwa kuba kuyaziwa ukuba abazi kubaleka. Iijaji ziyakhathazeka sihlandlo ngasinye zigweba abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela zabo.”

Lo mba sowukhe waphathwa nakwenye ifilimu eyenziwe yi-National Human Rights Commission of Korea. Kule filimu kukho nendawo ebonisa ngelinye iNgqina likaYehova elingazange livume ukuya emkhosini. Umalathisi wale filimu wayenza emva kokuva ukuba nyaka ngamnye, amawakawaka amaNgqina kaYehova athothoza kwesimnyama kuba nje engavumi ukuya emkhosini. Ngokolunye uhlolisiso lwe-United Nations Human Rights Council lwangoJuni 2013, i-93% yamaNgqina avalelwe ezintolongweni ngenxa yokungayi emkhosini ikuMzantsi Korea.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EKorea: uDae-il Hong, tel. +82 31 690 0055