Yiya kwinkcazelo

JUNI 16, 2014
KUMZANTSI KOREA

Iijaji ZoMzantsi Korea Zikhathazwa Zizazela

Iijaji ZoMzantsi Korea Zikhathazwa Zizazela

Ijaji enkulu yeNkundla YeNgingqi YaseSuwon, ibintywizisa njengoko ifunda isigwebo sikaChang-jo Im, oneminyaka eyi-21, nongazange avume ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe. Ngolu suku lunye, le jaji yayisele iwise izigwebo ezihlanu ingakhange ikhathazeke, kodwa ayizange ikwazi ukuzibamba iinyembezi kweli ityala ngenxa yokusetyenziswa kakubi komthetho. Le jaji yamgweba lo mfana oliNgqina likaYehova isithuba seenyanga eziyi-18 ngapha kwezitshixo kuba nayo yayingenakwenza nto.

Nyanga nganye iijaji ezikuMzantsi Korea zijongene nale meko. Ukuba kukho umfana okhe wathi akafuni ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe, azibuzi nemibuzo kodwa ziwisa isigwebo seenyanga eziyi-18. Kwesinye isigwebo awasiwisayo uYoung-sik Kim oyijaji wathi: “Xa kugwetywa ityala lomntu ongafuniyo ukuya emfazweni ngenxa yesazela sakhe, kuba ngathi kugwetywa isaphuli-mthetho.” Le jaji yayikhathazeke gqitha, kangangokuba yayingayiboni kakuhle into yokuba abantu abangafuniyo ukuya emkhosini begwetyelwa intolongo.

UMzantsi Korea awufuni kuwahlonela amalungelo abantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zabo, yaye ayikho nendlela yokuba abo bantu benze eminye imisebenzi engenanto yakwenza nomkhosi ukuze nabo basebenzele ilizwe. Iijaji zoMzantsi Korea azinakuyiphepha le nto yokugweba abafana abangafuniyo ukuya emkhosini ngokungathi zizigila-mkhuba. Iijaji zalapha ziwazi kakuhle amatyala aliqela abandakanya abafana abayi-501 abaye babhenela kwiKomiti Yamalungelo Abantu YeZizwe Ezimanyeneyo baza baphumelela. Le komiti yathi uMzantsi Korea awuwahloneli amalungelo abantu ngenxa yokuba uxoxisa uze uvalele abafana abangafuniyo ukuya emkhosini. Ngenxa yoku, kukho iijaji eziliqela ezikhathazeka gqitha xa zinyanzelwa ukuba zigwebe abafana abangamaKristu abangavumiyo ukuya emkhosini.

INkundla Yomgaqo Siseko YoMzantsi Korea yathi kusemthethweni ukuthatha abafana basiwe emkhosini ngenkani, sekunjalo kukho amatyala amathandathu asuka kwiinkundla ezincinane ezifuna ukusombululelwa lo mba. Isigqibo seejaji sanceda nakwezinye izinto.

Oko kuthethwa zezinye iijaji . . .

  • Ngokuvalelwa kwabafana abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo

    “Eyona nto sizama ukuyenza ngokukhusela inkululeko yesazela, kukuba mntu ngamnye afumane isidima esimfaneleyo. . . . Ewe kona abantu abaninzi abayiboni ncam into yokungavumi ukuya emkhosini, kodwa bekuya kuba nzima gqitha ukungqina indlela loo nto ebinokubangel’ ingozi ngayo kwelo lizwe, sekude kufuneke abantu abanjalo bavalelwe entolongweni nje.”–UHye-won Lim, Oyijaji KwiNkundla Yengingqi YaseSuwon, Februwari 21, 2013.

    “Ibaluleke gqitha into yokuba ubanike isidima esibafaneleyo abanye. Loo nto ibandakanya izinto ezifana nokuba abantu abamele bagqibele abanye ngendlela yokuphila ubomi babo. Ukuba kuthiwa abantu mabaye emkhosini okanye basebenzise izixhobo zemfazwe baze bohlwaywe xa bengavumi, loo nto ithetha ukuba abawafumani onke amalungelo abo yaye nesidima sabo abasinikwa.”–UYoung-hoon Kang, Oyijaji KwiNkundla Yengingqi YoMntla Seoul, Januwari 14, 2013.

  • Ngaba ukuvumela abantu bangayi emkhosini kuza kubangel’ ilizwe libe sengozini?

    “Abukho ubungqina obubambekayo obubonisa ukuba kukho iingozi ezibakho xa abantu beyekwa benze imisebenzi engenanto yakwenza nomkhosi, yaye loo nto ayithethi kuthi ikhwelo lokuba abafana baye emkhosini liyekiwe.”–UGwan-gu Kim, Oyijaji KwiNkundla Yengingqi YaseChangwon Masan, Agasti 9, 2012.

    “Xa kukho iqaqobana labantu kuquka amaNgqina kaYehova, . . . angafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yeenkolelo zawo, akukho sizathu sokoyika kuba abantu baza kuqhubeka bekhuselwa. Wona amaNgqina . . . akazi kuya emkhosini enoba angafumana isohlwayo. Ngoko ukuba ilizwe belisengozini, ngekukho ingxaki enkulu yokhuseleko kubemi balo.”–USeung-yeop Lee, Oyijaji KwiNkundla Yengingqi YaseUlsan, Agasti 27, 2013.

  • Isicombululo

    “Ukuba iNkundla Yomgaqo-siseko iyohluleka, iPalamente inako ukucingisisa nzulu ngokhuseleko lwelizwe nangenkululeko yesazela, ize yenze imithetho emitsha ukuze ikhusele abantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo ize kwangaxeshanye iqinise ukhuseleko.”–UYoung-sik Kim, Oyijaji KwiNkundla Yengingqi YoMzantsi Seoul, Julayi 9, 2013.

    “Akukho ngxaki ndiyibonayo mna engenzeka kumkhosi okanye kukhuseleko lwelizwe, into nje ekufuneka ijongwe ukuba ihamba njani, yimisebenzi enokwenziwa ngabantu abangafuniyo ukuya emkhosini, kungathi kanti abantu babaleka ukuya emkhosini ngaphandle kwesizathu esivakalayo.”–USeong-bok Lee, Oyijaji YeNkundla YaseMpuma Seoul, Februwari 20, 2014.

Iza kuthini iNkundla Yomgaqo-siseko?

Ezi jaji kuthethwa ngazo ngasentla, zifun’ iNkundla Yomgaqo-siseko ikhe iphefumle kulo mba uzixhalabisayo. Sithetha nje le nkundla iza kuxoxa amatyala ayi-29 namanye amabini abandakanya amadoda ayi-433.

Yintoni umsebenzi weNkundla Yomgaqo-siseko kula matyala? Ukuba le nkundla yoMzantsi Korea ithi amele ahlonelwe amalungelo abantu abangafuniyo ukuya emkhosini, oku kungabangela utshintsho kwimithetho yelo lizwe. Ukuba iyatshintsha, uMzantsi Korea uza kutsho ukwazi ukuba nemithetho ehambelana namanye amazwe, nomgaqo-siseko wayo, abafana abaninzi baya kubuyiselwa isidima sabo kuze kubekho isiqabu kwabo bavalelwa ngokungekho mthethweni.