Yiya kwinkcazelo

Abanye babantu ebebefake izicelo, amalungu entsapho namagqwetha emva kokufaka isicelo sokungayi emkhosini ngenxa yesazela.

SEPTEMBA 8, 2017
KUMZANTSI KOREA

Liyanda Inani Labantu Abalihlonelayo Ilungelo Lokungayi Emkhosini Ngenxa Yesazela KuMzantsi Korea

Liyanda Inani Labantu Abalihlonelayo Ilungelo Lokungayi Emkhosini Ngenxa Yesazela KuMzantsi Korea

Baya besanda abantu eMzantsi Korea abavumelana nokungayi emkhosini ukususela kwisigqibo esathathwa ngabantu ngoJulayi 2015 kwiNkundla yomgaqo-siseko. Nangona kungekho sigwebo sisuka enkundleni okanye umthetho omtsha, uMzantsi Korea uyaqhubeka ubanyanzela abantu ukuba baye emkhosini nangona bengavunyelwa zizazela zabo. Iinkundla ezingaphantsi, abantu, amagqwetha, abantu bakuMzantsi Korea nabasehlabathini abalwela amalungelo abantu, bathi baxhasa isicombululo esilihlonelayo ilungelo labantu elibavumelayo ukuba benze ngokwezazela zabo.

Iinkundla Zibona Ngenye Indlela Okokuqala Kwimbali YakuMzantsi Korea

Kwiveki eqala ngoAgasti 7, 2017, abafana abasixhenxe ababanjelwe ukungayi emkhosini ngenxa yesazela sabo, inkundla ibafumanise bengenatyala. Oku kuyothusa. Kwimbali yomthetho weRepublic of Korea, iinkundla ziye zagweba abantu abangaphezu kwabayi-19 000 ngenxa yokuba izazela zabo zingabavumeli ukuba baye emkhosini, kodwa kumatyala ayi-38 kwayi-42 asusela ngoMeyi 2015 apho abantu befunyenwe bengenatyala, ayi-25 kuwo axoxwe ngo-2017.

Ezinye iinkundla ziye zakumisa ukuxoxwa kwamatyala ngethemba lokuba iNkundla yomgaqo-siseko iza kugweba, kodwa loo nto iye yabangela ukuba lande inani lamatyala amisiweyo. UMnumzan’ uDu-jin Oh, igqwetha labo bangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela uthe, ngoku aphindaphindeke kahlanu amatyala amisiweyo xa kuthelekiswa neminyaka embalwa edlulileyo.

Ukwanda kwenani labantu abangenatyala kwiinkundla ezigcina abantu abalinde ukuxoxwa kwamatyala (6 ngo-2015, 7 ngo-2016 baze babeyi-25 ngo-2017) ibe ukwanda kwamatyala aseza kuxoxwa (inani lande ukusuka ku-100 ukuya kutsho ku-500) kubonisa indlela etshintshe ngayo indlela ezicinga ngayo iijaji zakuMzantsi Korea.

Abantu bomthetho abaninzi bathi ngoku iinkundla zakuMzantsi Korea zibona ngenye indlela. Kumatyala apho iinkundla ziye zabafumana bengenatyala abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela, zithe akufanelekanga ukugweba abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela xa benganikwa omnye umsebenzi, loo nto inyhasha ilungelo labo elikumgaqo-siseko elibavumelayo ukuba benze ngokwezazela zabo. Ezinye zithi, ukungayi emkhosini ngenxa yesazela sisizathu esivakalayo ngokomthetho womkhosi.

Oko Kuthethwa Ngabantu

Nangona izinto ezithethwa ngabantu zingancedi nganto ekukhuselweni kwamalungela abantu, iofisi yezokhuseleko isebenzise ukungathethi kwabantu njengesingxengxezo sokulungisa le ngxaki. Kodwa izinto abazithethayo abantu ziyatshintsha. Ngo-2005, bebembalwa kakhulu abantu ebebevumile ukuba abantu bangayi emkhosini ngenxa yezazela. Kodwa ke, ingxelo yangoMeyi 2016 ibonise ukuba liye landa kakhulu inani labantu abayixhasayo into yokwenziwa kweminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini. Ingxelo kaJulayi 2016 yequmrhu lamagqwetha ibonise ukuba i-80 pesenti yamalungu elo qumrhu isixhasile esi sigqibo.

Izigqibo Nezinto Ezithethwa Ngabo Balwela Amalungelo Abantu

Ikomishini Yamalungelo Abantu yaseKorea ibonile ukuba ukutshintsha kwendlela abantu abacinga ngayo eMzantsi Korea kubangele amagosa avule ithuba lokuba kwenziwe eminye imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini ngokwamaxwebhu amalungelo abantu amathathu endibano kawonke-wonke eqalise ngoJuni 2017. Le komishini ijonge nezigqibo zabantu abasehlabathini lonke yaza yahlola ukuba lo msebenzi ungenanto yakwenza nokuya emkhosini uyahambisana kusini na nomgaqo wamanye amazwe. Ikomishini Yamalungelo Abantu inike urhulumente waseKorea ingxelo yomsebenzi ongenanto yakwenza nokuya emkhosini ehambisanayo nemigaqo yamanye amazwe ibe yamkelekile kumaNgqina KaYehova nakwabanye abantu.

Isithembiso Nesicelo

Xa uJae-in Moon waqalisa ukuba nguMongameli ngoMeyi 10, 2017, waba ligqwetha lamalungelo abantu ibe wathembisa wathi: “Inkululeko yesazela lelona lungelo libalulekileyo kumalungelo aphantsi koMgaqo. Ngoko ke, ndithembisa ukuba kuza kubakho imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini baze bayeke ukubanjwa abantu abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yesazela.”

Igqwetha linika igosa isicelo ukuze sihlolwe

NgoAgasti 11, 2017, kwafakwa izicelo zabantu abayi-904 abangavumiyo ukuya emkhosini ngenxa yesazela kumongameli omtsha, kucelwa ukuba urhulumente ahlonele ilungelo labo lesazela ngokuthi abakhulule entolongweni kuze kubekho imisebenzi abanokuyenza engenanto yakwenza nokuya emkhosini. Kubantu ebebefake izicelo, abayi-360 bagwetyiwe ibe abayi-544 basalinde ukuxoxwa kwamatyala abo kwimigangatho yenkundla eyahlukahlukeneyo.

Ithuba Lokwenza Imbali Kumalungelo Abantu

UHyun-soo Kim

UHyun-soo Kim, omnye wabantu ebebefake izicelo, uthethe ngendlela esibaluleke ngayo esi sicelo kuye wathi: “Ndikhangele phambili ekwenzeni imisebenzi engenanto yakwenza nokuya emkhosini. Ndizimisele ukwenza imisebenzi enceda abantu, ndincede xa kwehle intlekele okanye ndenze nawuphi na umsebenzi endiwunikwayo. Kungandivuyisa ukunceda ekuhlaleni.”

AmaNgqina KaYehova nabanye abantu bavuya kakhulu kukubona ukutshintsha kwendlela ebekucingwa ngayo nto leyo enokunceda kutshintshwe umthetho obucinezela amadoda amaninzi kangangeminyaka emininzi. AmaNgqina ayibulele kakhulu into yokuba umongameli uMoon, amalungu endibano kawonke-wonke neejaji zakuMzantsi Korea zisihlonele isigqibo sabantu abangafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yesazela.