Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 19, 2015
KUMZANTSI KOREA

UMzantsi Korea Unetyala Lokuvalela Ngokungekho Mthethweni Abantu Ngenxa Yezazela Zabo

UMzantsi Korea Unetyala Lokuvalela Ngokungekho Mthethweni Abantu Ngenxa Yezazela Zabo

IKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo iye yamgxeka urhulumente wakuMzantsi Korea ngokuvalela ngokungekho mthethweni abantu ngenxa yezazela zabo nokuhlutha ilungelo labo lokuba nenkululeko yesazela. Esi, sisigqibo sesihlanu sale Komiti nxamnye noMzantsi Korea ngokuphathelele ukuvalela abantu ngenxa yezazela zabo, kodwa iyaqala ukwenzeka into yokuba ifumanise ukuba bavalelwe ngokungekho mthethweni. *

Kwizigqibo ezine ezidlulileyo ezibandakanya abantu abayi-501 abavalelwe ngenxa yezazela zabo, le Komiti iye yafumanisa ukuba uMzantsi Korea wohluthe inkululeko yabo yokucinga, eyesazela neyonqulo njengoko kudweliswe kuMthetho 18 woMnqophiso Wezizwe Ngezizwe Wamalungelo Asentlalweni Nawezobupolitika. Esi sigqibo samva, esenziwe ngo-Oktobha 15, 2014 saza saziswa ngoJanuwari 14, 2015, nesibandakanya abafana abangamaNgqina abayi-50, * sichaza nenye into ebhaqiweyo. Le Komiti iye yafumanisa ukuba ngokohlwaya aba bafana ngokubavalela entolongweni ngenxa yelungelo labo, urhulumente wophule noMthetho 9 woMnqophiso Wezizwe Ngezizwe Wamalungelo Asentlalweni Nawezobupolitika, okwalelayo ukuvalelwa kwabantu ngokungekho mthethweni nokwanika ilungelo lokuhlawulwa. Le Komiti ithe, “‘ukwenza ngokungekho mthethweni’ . . . kusafanele kuhlalutywe ukuze kuquke izinto ezingafanelekanga nezenzo ezingenabulungisa.” Iqukumbele ngokuthi “ukuvalelwa kwabantu ngenxa nje yokuba besebenzisa inkululeko yabo yonqulo neyesazela evunyelwa ngumthetho 18 woMnqophiso,” akukho semthethweni.

Kunyanzeliswa Ukuba Le Ngxaki Ilungiswe

Kwisigqibo sayo, iKomiti ithe urhulumente waseMzantsi Korea makacime amatyala amaNgqina ayi-50 aze awahlawule. Ukongezelela, iye yathi urhulumente “unyanzelekile ukuba . . . amkele imithetho evumela abantu ukuba balandele izazela zabo.” Kwiintsuku eziyi-180 kwenziwe esi sigqibo, uMzantsi Korea umele “uchaze izinto osele uzenzile ngokuphathelele ukuxhasa le mithetho.”

UMzantsi Korea ubusoloko usala ukwenza inkqubo yokwenziwa kwemisebenzi engenakuthanani nomkhosi ngelithi elo lizwe alikhuselekanga ncam ibe nabahlali abavumelani ngale nto. Okwesihlandlo sesihlanu, le Komiti iye yazichitha ezi zingxengxezo zikarhulumente, ilandela izigqibo eyayizenze ngo-2006. Kwezo zigqibo, le Komiti yayithe uMzantsi Korea “woyisakele ukuchaza ukuba iza kubaphi ingxaki xa ihlonipha amalungelo abantu okuba balandele izazela zabo.” Ngokuphathelele ukumanyana nokulingana kwabemi belizwe, iKomiti igqibe kwelokuba “ukuhlonipha kwePhondo iinkolelo nezenzo zabahlali ezisekelwe kwizazela zabo, kuyeyona nto ibalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba abemi bamanyene nangona beneenkolelo ezahlukeneyo.” Ngoko le Komiti isamile kwelokuba uMzantsi Korea awunaso isizathu sokuvalela abantu ngenxa yezazela zabo.

Ngokuvalela abantu ngokungekho mthethweni ngenxa yezazela zabo, uMzantsi Korea uyiphosile imithetho yamazwe ngamazwe ngokuphathelele lo mba.

Nangona uMzantsi Korea waba lelinye lamazwe awasayina uMnqophiso Wezizwe Ngezizwe Wamalungelo Asentlalweni Nawezobupolitika ngo-1990, ubusoloko usala ukuthobela imithetho ekwavunyelwana ngayo yokuba abantu balandele izazela zabo. Abasemagunyeni eKorea basaqhubeka bevalela ulutsha olungamaNgqina nyaka ngamnye. IKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo ibisoloko ithethelela abantu abacinezelwa ngenxa yezazela zabo eMzantsi Korea. Kuza kubonakala aph’ ekuhambeni kwexesha ukuba lo rhulumente uza kuyenza na le nto ayixelelwayo, ngokuthi aphelise ukuvalelwa kwabantu ngokungekho mthethweni aze amkele umthetho ohlonela izazela zabahlali.

^ isiqe. 2 Funda ityala: 2179/2012, Young-kwan Kim et al. v. Republic of Korea, loMnqophiso Wezizwe Ngezizwe Wamalungelo Asentlalweni Nawezobupolitika, izigqibo ezamkelwa ngo-Oktobha 15, 2014, isiqe. 7.5.

^ isiqe. 3 Kule foto ingasentla, ulutsha olungamaNgqina ayi-30 kwayi-50 eme ngaphambi kweNkundla Ephakamileyo YaseMzantsi Korea, apho laqala khona ukubhena.