Izinto Ezibalulekileyo Ezenzeke KwaSirayeli
NGOMEYI 1, 2015—INkundla Ephakamileyo ixhasa ilungelo lokudibana ngoxolo kwamaNgqina kwidolophu yaseRa’anana
NGOFEBRUWARI 5, 2007—Ngoncedo lwamagqwetha iNkundla iye yagweba ngokuba iHaifa International Congress Center khange iwaphathe kakuhle amaNgqina ngokungavumi ukuwarentisela izakhiwo zawo
Ekupheleni kweminyaka yoo-1990 Abantu bonqulo lwamaYuda bahlasela kabuhlungu amaNgqina baza bawaphatha kakubi
NGOSEPTEMBA 7, 1992—Emva kokuba igqwetha lenze isaziso, iKomishoni Yezibheno yasirhoxisa isigqibo sayo sokungavumeli amaNgqina ukuba asebenzise iHolo YoBukumkani yawo eTel Aviv
NGONOVEMBA 15, 1963—Urhulumente ubhalisa amaNgqina ngokusemthethweni, iWatch Tower Bible & Tract Society
NGOJANUWARI 1, 1963—AmaNgqina aba neofisi yesebe eHaifa, kamva yasiwa eTel Aviv
NGO-1920—Xa iBritani yayilawula kuMbinidi Mpuma, amaNgqina kaYehova amisela ibandla lokuqala neofisi yokulungiselela umsebenzi wokushumayela