Yiya kwinkcazelo

UMzalwana uArtem Gerasimov

FEBRUWARI 27, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

INkundla YaseCrimea Iza Kuchaza Isigqibo Sayo Kwityala LikaMzalwana UArtem Gerasimov

INkundla YaseCrimea Iza Kuchaza Isigqibo Sayo Kwityala LikaMzalwana UArtem Gerasimov

INkundla Yedolophu IYalta eseCrimea iza kuchaza isigqibo sayo kwityala likaMzalwana uArtem Gerasimov ngoMatshi 3, 2020. Umtshutshisi uthe uMzalwana uGerasimov makagwetywe iminyaka emithandathu enehafu etrongweni ngenxa yokholo lwakhe.

UMzalwana uGerasimov ebegcinwe esiseleni, ebuzwa nemibuzo ngoMatshi 20, 2019, emva kokuba amagosa eFederal Security Service (FSB) egqogqe aza ashiya kuthe saa kumakhaya amaNgqina KaYehova ahlala kwidolophu ekuthiwa yiAlupka neYalta eziseCrimea. Xa la magosa ebegqogqa, athathe iikhomyutha, ezinye izixhobo ze-elektroniki neeBhayibhile. Emva koko, abaphandi beFSB bathe uArtem Gerasimov unetyala lokwenza imisebenzi eyingozi, kuba nje edibene nabanye ukuze bathethe ngeBhayibhile.

Siqinisekile ukuba uYehova uza kubanceda abazalwana noodadewethu ukuba bahlale ‘benesibindi namandla’ njengokuba benyamezele ukuphathwa kakubi ngenxa yokholo lwabo.​—INdumiso 138:3.