Yiya kwinkcazelo

Abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo benza intetho yeSikhumbuzo: (ekhohlo) UMzalwana uAnthony Morris wenza intetho eza kudlalelwa intsapho yaseBhetheli; (phezulu ekunene) UMzalwana uGeoffrey Jackson (ezantsi ekunene) noMzalwana uMark Sanderson benza intetho yeSikhumbuzo kumabandla abo ngevideoconference besemagumbini abo

APRILI 10, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

ISikhumbuzo Sokufa KukaKristu Sika-2020 KwiBheteli EseMerika

ISikhumbuzo Sokufa KukaKristu Sika-2020 KwiBheteli EseMerika

NgoAprili 7, 2020, amaNgqina KaYehova emhlabeni wonke enze iSikhumbuzo Sokufa KukaYesu Kristu, nangona kukho icoronavirus. Kanye njengokuba uMzalwana uStephen Lett okwiQumrhu Elilawulayo ebethe: “Akukho sifo, nokuba singasehlabathini lonke esinokusenza siyeke ukubonisa uYehova noYesu indlela esibabulela ngayo ngento abasenzele yona, okanye singasenzi iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.” Senziwe njani iSikhumbuzo kulo nyaka?

Eli linqaku lokuqala kwiiNdaba zethu kumanqaku aza kuthetha ngendlela abazalwana bethu emhlabeni wonke abasenze ngayo iSikhumbuzo kweli xesha le coronavirus. Kweli nqaku, siza kuva ukuba iSikhumbuzo senziwe njani kwikomkhulu lamaNgqina KaYehova nakwiofisi yesebe laseMerika.

IQumrhu Elilawulayo lenze isigqibo sokuba yonke intsapho yaseBheteli ibe neSikhumbuzo esinye ukuze ithobele umthetho karhulumente othi abantu abaninzi mabangadibani. Intetho yenziwe nguMzalwana uAnthony Morris kwiholo eseWarwick. Bonke abantu abakwiBheteli eseMerika bebenokuyibukela besemagumbini abo. Nangona bembalwa abantu abatyayo eSikhumbuzweni, iOfisi YaseBheteli ibanike bonke eBheteli isonka newayini.

Intsapho yaseBheteli ilungiselelwe isonka newayini ukuze izise emagumbini

Abantu abaseBheteli bebekwazi nokuba kwiSikhumbuzo kunye namabandla abo besebenzisa ivideoconference. Nabadala abaseBheteli bebekwazi ukwenza intetho yeSikhumbuzo emabandleni kwivideoconference.

Umzalwana nenkosikazi yakhe benza iSikhumbuzo kwigumbi abahlala kulo, eBheteli, eWallkill

Abantu abaninzi abaseBheteli bathe esi Sikhumbuzo ibisesinye sezona zikhethekileyo abakha baya kuzo. Nangona bebekwiindawo ezahlukeneyo, babone indlela abamanyene ngayo nabazalwana noodade emhlabeni wonke xa bebekhumbula indlela uThixo wethu, uYehova, noNyana wakhe, uYesu Kristu abasithanda ngayo.—Yohane 3:16; Mateyu 20:28.