FEBRUWARI 28, 2023
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
IiNdibano Zesiphaluka Nezikolo Zentlangano Ziphinde Zenziwa Ngokoqobo
Emva kokuba zimiswe kangangeminyaka emithathu emhlabeni wonke, iindibano zesiphaluka zobuso ngobuso ziye zaqala ngoJanuwari 2023. Ngexesha elifanayo, izikolo zentlangano zobuso ngobuso ziqalisile kumazwe amaninzi. Kuyacaca ukuba uYehova uye wazisikelela zonke ezi ndibano.
EVillahermosa, kwiNgingqi yaseTabasco, eMexico, abavakalisi abayi-200 baye baklina iHolo belungiselela indibano. Abanye baye bahamba iiyure eziyi-6 ukuya khona. Omnye udade wathi: “Sagqibela kudala ukubona abazalwana noodade bekwindawo enye. Besingenakuphoswa kukuncedisa kulo msebenzi.”
Kwindibano yesiphaluka eCrownsville, eMaryland, eMerika, omnye udade wathi: “Ndivuya kakhulu, bendilila oko ndifikile. Ndizisebenzise zonke iithishu zam kodwa ucwangciso alukaqali. Bendingenakuphoswa yile ndibano.”
Kumasebe amaninzi, abafundi baye bakuvuyela ukuya ubuso ngobuso kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani neSikolo Sabaveleli Beziphaluka Nabafazi Babo. UMzalwana uGiovanny Cabezas, ofundisa kwindawo ekuqhutyelwa kuyo izikolo esePalm Coast, eFlorida, eMerika, uthi: “Ndavuya kakhulu xa ndeva ukuba izikolo zentlangano ziza kuqala. Le ndawo yindawo entle enabahlohli, abafundi, amavolontiya, azinikeleyo nazimisele ukwenza ukuthanda kukaYehova.”
Udade Satoko Nakata nomyeni wakhe baya kwiSikolo Sabaveleli Besiphaluka Nabafazi Babo ngoJanuwari 2023. Wathi: “Ngexesha leKhorona bekumnandi ukuba neentlanganiso nezikolo zoovulindlela ngevideoconference. Kodwa kwakunzima ukuncokola, ukuva yonke into, ukuhleka nokucula nabanye. Ukubakho ngokoqobo kwesi sikolo bekusisipho esivela kuYehova. Njengabafundi, sasincokola, sihleke, silile size sicule kunye sivuya. Ndimbulela kakhulu uYehova neQumrhu Elilawulayo.”
Asithandabuzi ukuba kuyamvuyisa uYehova ukubona abantu bakhe bedibene ukuze bafundiswe nguye. Sivumelana namazwi kaKumkani uDavide athi: “Ndiza kukubulela ebandleni elikhulu; ndiza kukudumisa phakathi kwenginginya yabantu.”—INdumiso 35:18.