MATSHI 20, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
Iklasi YaseGiliyadi Igreda Ngendlela Eyahlukileyo
Iklasi ye-148 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi igrede ngendlela efanayo nezinye. Umahluko ubumnye nje qha, bekungekho bantu babukele beseholweni. Bebeyibukele kwi-intanethi. Ngenxa yecoronavirus egcwele umhlaba wonke, le gredi yaseGiliyadi ibonise indlela intlangano kaYehova ezenza ngayo izinto xa iimeko zitshintsha.
Ucwangciso belungoMatshi 14, 2020, kwisikolo sokufundisa amaNgqina KaYehova ePatterson, eNew York. UMzalwana uStephen Lett, okwiQumrhu Elilawulayo ebengusihlalo. Kugrede abafundi abayi-55. *
Kwiiveki ezingaphambi kokuba abafundi bagrede, iindaba bezithetha kakhulu ngokusasazeka kwecoronavirus emhlabeni wonke. Njengokuba iphepha leeNdaba kujw.org belitshilo, ikomkhulu lamaNgqina KaYehova belisoloko liyijongile into eyenzekayo ukuze lichazele onke amabandla ukuba azenze izinto ezicetyiswa ngabasemagunyeni.
Enye into abayicebisileyo abasemagunyeni kukuba abantu abaninzi bangadibani. Ngenxa yesi sizathu nezinye, iQumrhu Elilawulayo lenze isigqibo sokuba kungamenywa bantu kolu cwangciso, kungabikho nabantu ababukele beseholweni. Intsapho yaseBheteli nabafundi baseGiliyadi bawuthobele lo myalelo, besibonisa ukubaluleka kokuthobela.—Yohane 13:34, 35.
Kodwa kwenziwe indlela yokuba abantu abamenywe ngabafundi, nentsapho yaseBheteli balubukele kwi-intanethi olu cwangciso. Ngenxa yaloo nto, bebengaphezu kwe-10 000 ehlabathini lonke, abahlobo, iintsapho zabafundi, abazalwana noodade, ebebebukele olu cwangciso.
IQumrhu Elilawulayo lifuna ukuba singayeki ukuba neentlanganiso zokukhonza uYehova, ingakumbi iintlanganiso zebandla esiba nazo qho ngeveki, nangona kukho iCOVID-19 egcwele umhlaba wonke. Lisandokuxelela amasebe asemhlabeni wonke ukuba ajonge iimeko zasekuhlaleni, kuze kutshintshwe indlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso zebandla, ukuba kufuneka itshintshwe. Kusenokufuneka abavakalisi badibane bengamaqela amancinci okanye basebenzise i-intanethi, mhlawumbi ivideoconference. Siqinisekile ukuba abazalwana noodade abasehlabathini lonke abazokuphoswa ziintlanganiso zebandla ezilungiselelwe yintlangano kaYehova.
Kucacile ukuba akhonto inokwenza amandla kaYehova ayeke ukunceda intlangano yakhe nakweyiphi na ingxaki.—INdumiso 18:29.
^ Ucwangciso Lweklasi Ye-148 YaseGiliyadi luza kufakwa kujw.org ngoJuni 2020.