APRILI 3, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
Indlela Eyahlukileyo Yokwenza ISikhumbuzo Sokufa KukaKristu
Ngenxa Yecoronavirus Egcwele Umhlaba Wonke Amabandla Amaninzi Aqhuba Iintlanganiso Zawo Nge-Videoconference
NgoLwesibini, Aprili 7, 2020, amaNgqina amaninzi nabantu abanomdla, aza kuba neyona nkonzo ibalulekileyo enyakeni, iSikhumbuzo Sokufa KukaYesu. Kodwa ngenxa yeCOVID-19, kulo nyaka esi sikhumbuzo siza kusenza ngendlela eyahlukileyo. Kwiindawo ezininzi siza kusenza nge-videoconference.
Kumazwe amaninzi, abasemagunyeni abavumi abantu abaninzi badibane, ngenxa yecoronavirus. Ngenxa yaloo nto, emhlabeni wonke amabandla amaninzi aqhuba iintlanganiso zawo nge-videoconference qho ngeveki. NeSikhumbuzo aza kusenza nge-videoconference. Ividiyo erekhodiweyo yeSikhumbuzo iza kufakwa ku-jw.org ukuze abantu bayifumane khona.
Bangaphezu kwe-20 miliyoni abantu ebebekhona kwiShumbuzo kulo nyaka uphelileyo. Sinethemba lokuba abantu abaninzi abangengomaNgqina nabo baza kuba khona kwiSikhumbuzo salo nyaka besebenzisa ivideoconference, iifowuni okanye babukele esiku-jw.org.
Kumazwe amaninzi icoronavirus iye isasazeka ibe iye isiba yingozi. Ukuze abazalwana bethu bakhuseleke, simele sizenze izinto abasemagunyeni abathi masizenze, de yonke le nto idlule. Kodwa siqinisekile ukuba uYehova uza kusinceda, ibe sizimisele ukuthobela uYesu owathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”—Luka 22:19.