Yiya kwinkcazelo

IsiTshingitshane uAna senze kwakho izikhukula, samosha amakhaya, sabulala nabantu kumazwe amaninzi, kuquka iMalawi neMozambique

NGOFEBRUWARI 9, 2022
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

IsiTshingitshane uAna Simoshe Into Eninzi KuMzantsi Mpuma WeAfrika

IsiTshingitshane uAna Simoshe Into Eninzi KuMzantsi Mpuma WeAfrika

NgoJanuwari 24 ukuya ku-25, 2022, isiTshingitshane uAna sashiya umonakalo omkhulu eMalawi naseMozambique. Esi sitshingitshane sabulala abantu abaninzi, samosha iindlela saza sashiya nabanye abaninzi bengenamakhaya.

Izinto enzekayo kubazalwana noodade wethu

EMalawi

  • Into ebuhlungu kukuba, umfazi ongeloNgqina womzalwana nabantwana bakhe ababini, ona-3 nona-5 barhaxwa xa kwaphequka isikhephe ababesiqabele

  • Udade nentombazana eneminyaka eyi-7, ezalwana ngamaNgqina balimala

  • Abavakalisi abaphantse babeyi-1 000 kwafuneka bashiye amakhaya abo

  • IiHolo ZoBukumkani ezimbini, zamoshakala kancinci

  • Amakhaya aphantse abeyi-100, amoshakala kakhulu

  • Amanye ayi-100 atshabalala

EMozambique

  • Akho nomnye umzalwana okanye udade owaswelekayo

  • Abazalwana ababini bonzakala

  • Abavakalisi abayi-381 bashiyeke bengenamakhaya

  • IiHolo zoBukumkani ezintathu zimoshakele nje kancinci

  • Ezinye iiHolo zoBukumkani ezintathu zimoshakele kakhulu

  • Zona ezinye iiHolo zoBukumkani ezintathu zidilike zaphela

  • Amakhaya ayi-51 amoshakele kancinci

  • Ayi-96 amoshakele kakhulu

  • Amanye amakhaya ayi-79 adilike aphela

Iindlela Zokunceda

  • Kuye kwenziwa iiKomiti Zokunceda Xa Kwehle Intlekele kuwo omabini la mazwe

  • Ezi Komiti zinceda ngokutya, amanzi okusela, nangezinye izinto

  • Bonke abo bancedisa kwezi Komiti bathobela imithetho yokhuseleko yekhorona

Siqinisekile ukuba uYehova uza kubenza baqine abazalwana bethu kweli xesha linzima.—INdumiso 46:1.