Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 11, 2019
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Izinto Ekuthethwe Ngazo Kwintlanganiso Yonyaka Ka-2019

Izinto Ekuthethwe Ngazo Kwintlanganiso Yonyaka Ka-2019

NgoMgqibelo, Oktobha 5, 2019 bekukho intlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, kwiHolo Yendibano yamaNgqina KaYehova eNewburgh, eNew York, eMerika. Kule ntlanganiso amalungu eQumrhu Elilawulayo aye anikela iintetho eziqinisa ukholo, njengoko emanyelwe ngabantu abayi-20 679, kuquka nabo bebebukele bekwezinye iindawo. Nazi ezinye izinto ekuthethwe ngazo kwintetho nganye. *

“Inye INkokheli Yenu, NguKristu”

UMzalwana uGerrit Lösch, obengusihlalo kule ntlanganiso, uye wanikela intetho yokuvula ethathwe kuMateyu 23:10, esikhumbuza ukuba nguYesu Kristu kuphela inkokheli yethu.

UYehova Usisebenzisa Njani Ukuze Sikwazi Ukunceda Abanye Ngexesha Lentlekele?

UMzalwana uStephen Lett uye wacacisa ngokubaluleka kokuba ngumntu opha abanye evuya. Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba singabantu abaphayo, kukuxhasa umsebenzi wokunceda xa kukho iintlekele. UMzalwana uLett ubalise ngokufutshane ngomonakalo obangelwe ziintlekele zemvelo, kunye noncedo oluye lwenziwa kunyaka wenkonzo ka-2018 no-2019. Bangaphezu kwe-900 000 abazalwana noodade abaye bachaphazeleka kwezi ntlekele, ibe zingaphezu kwe-700 iiHolo ZoBukumkani eziye zonakala. Kwakhona, amalunga ne-15 000 amakhaya abazalwana bethu aye onakala okanye awa. Ngenxa yale nto, amaNgqina KaYehova asebenzise imali emalunga needola eziyi-49.5 miliyoni kulo msebenzi wokunceda.

Kule ntetho, bekukho iividiyo ezibonisa indlela ababulela ngayo abavakalisi abaye bancedwa leli lungiselelo.

‘Isandla SoThixo Wethu Sinathi . . . Masiqalise Ukwakha’ | Ividiyo

Le vidiyo ibonise indlela amaNgqina KaYehova azikhathalele ngayo izakhiwo zawo ezimalunga ne-80 000, ezisehlabathini lonke. Iphinde yabonisa indlela enza ngayo ukuze akwazi ukuzakha, ukuzigcina nokuzilungisa ezi zakhiwo.

Indlela Ekwakuthengwa Ngayo Izakhiwo Kudala | Ividiyo

Le vidiyo inamava agciniweyo abazalwana abathathu, abaye bancedisa ekukhetheni nasekuthengeni izakhiwo zesebe lase Merika nezo zekomkhulu lehlabathi: Abo yayinguMzalwana uMax Larson, uGeorge Couch, noGilbert Nazaroff. Bobathathu aba bazalwana babalisa ngendlela echukumisayo uYehova awabanceda ngayo ekuthengeni izakhiwo ezahlukeneyo zentlangano.

Indawo Entsha Eza Kwakhiwa Kungekudala | Ividiyo

Kule vidiyo kuthethwe ngamalungiselo okwakha indawo entsha eRamapo, eNew York, apho kuza kudityaniswa lonke isebe leendaba ndawonye. Le ndawo imalunga neekhilomitha eziyi-3 ukusuka kwikomkhulu lethu eliseWarwick, eNew York. Injongo kukuba kuqaliswe ukwakhiwa ngo-2022 kuze kugqitywe ngoDisemba 2026. Xa lo msebenzi uqalile, kuza kufuneka amavolontiya amalunga ne-1 500 qho ngosuku.

Umfanekiso wendawo entsha eza kwakhiwa eBheteli eRamapo, eNew York. Le ndawo iza kuba nesitudiyo, iiofisi,iindawo zokuhlala nendawo yeendwendwe

Indlela Entsha Yokufaka Izicelo | Ividiyo

Le vidiyo ibonise ukuba ukususela ngoJanuwari 2020, abavakalisi abanomdla wokwandisa inkonzo yabo, baza kukwazi ukufaka izicelo zabo ku-jw.org, baze bazithumele kubadala bebandla labo, ukuze bona bazihlole.

Indlela Entsha Yokufumana Izinto Ezirekhodiweyo Ku-JW.ORG

Ezinye izinto ezirekhodiweyo ngoku eziku-jw.org, ungazifumana ngoAmazon Alexa okanye ngoGoogle Assistant.

Ukuhlaselwa Okuvela Ngasemntla

UMzalwana uDavid Splane ucacise indlela esisiqonda ngayo isiprofeto esithetha ngebubu leenkumbi esikuYoweli isahluko 2. Siza kukuvuyela ukufunda ngesi siprofeto kwiMboniselo kwixesha elizayo.

INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele (iStudy Edition sesiNgesi) eqala kuMateyu ukuya kwiZenzo

Funda IBhayibhile Usebenzisa iStudy Bible SesiNgesi

UMzalwana uSamuel Herd uthethe ngendlela ekuluncedo ngayo ukusebenzisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele (iStudy Edition sesiNgesi) efumaneka kwiwebhsayithi yethu. Emva koko uye wakhulula esi Study Edition sesiNgesi esiprintiweyo, esiqala kuMateyu ukuya kwiZenzo. Abavakalisi bangasi-oda esi Study Edition sesiNgesi emabandleni abo.

Sinomsebenzi Esimele Siwenze!

UMzalwana uAnthony Morris uyenze yacaca into yokuba ukushumayela iindaba ezilungileyo ngowona msebenzi ubalulekileyo kumaKristu okwenyaniso. Uye wabonisa nokuba iQumrhu elilawulayo lisebenzisa izakhiwo zentlangano ukuze lixhase lo msebenzi. Emva koko ucaphule amazwi akhuthazayo akwiMboniselo kaNovemba 15, 1976, athi: “Imbandezelo enkulu imele ifike umsebenzi wokushumayela utyhalela phambili ngeyona ndlela emhlabeni wonke. Xa iNkosi uYesu isiza ukuze iphumeze umgwebo, iza kufika ngequbuliso​—nkqu nakubantu bakaYehova, ibe kuza kube kushunyayelwa kakhulu!”

Simele Soyike Ntoni?

UMzalwana uMark Sanderson ucacise isiprofeto sikaYesu, esibonisa ukuba abantu bakaThixo baseza kucatshukelwa “zizo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:9) Uye wasikhuthaza nokuba singaboyiki abantu, kodwa soyike uYehova.​—INdumiso 111:10.

Kuye kwadlalwa ividiyo echukumisa ngokwenene, ebonisa indlela abazalwana noodade baseRashiya abaye bakoyisa ngayo ukoyika ukutshutshiswa. Le ntetho nale vidiyo zikhuthaze bonke abakhonzi bakaYehova ukuba nabo bangakoyiki ukutshutshiswa.

Ngaba Usezingqondweni?

UMzalwana uGeoffrey Jackson ubonise indlela esinokulisebenzisa ngayo ebomini bethu igama elithi ukuba “sezingqondweni” (elithetha ukuthi qwa), ecaphula kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. Uphinde wabonisa ukubaluleka kokuba sihlale “sisezingqondweni” kule mihla yokugqibela.​—1 Petros 1:13.

Ngaba Uza Kusebenza?

UMzalwana uKenneth Cook uchaze umxholo wonyaka ka-2020, okuMateyu 28:19 othi: “Hambani niyokubenza abafundi . . . , nibabhaptize.” Uthethe nangendlela ekubaluleke ngayo ukuba sincede abantu abaneentliziyo ezivumayo, ukuba bazinikele kuYehova baze babhaptizwe.

Intlanganiso yonyaka efana nale isikhuthaza kakhulu, ibe isinceda sizinikele ekukhonzeni uYehova.

^ Inkqubo epheleleyo yentlanganiso yonyaka iza kufumaneka ku-jw.org ngoJanuwari 2020.