NGOJANUWARI 26, 2022
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
Izinto Ezirekhodiweyo Zenza Iindibano ZeeNgingqi Zincede Abantu Abangaboniyo
Lo iza kuba ngunyaka wesithathu kusibakho amazwi acacisela abantu abangaboniyo izinto ezirekhodiweyo kwiindibano zethu zengingqi. Iividiyo namazwi arekhodiweyo ziba namazwi acacisa into ebukelweyo ibe asetyenziswa ngabantu abangaboniyo nabangaboni kakuhle. AmaNgqina kaYehova ayaqhubeka esenza amazwi acacisa into eyenzeka kwividiyo kubantu abangaboniyo ekuqikelelwa ukuba bayi-43 miliyoni nakubantu abayi-295 miliyoni abangaboni kakuhle.
UGqr. Joel Snyder, owazi kakuhle ngokucacisa ngezinto ezirekhodiweyo uthi: “Iyavuyisa into eyenziwa ngamaNgqina kaYehova yokwenza izinto ezirekhodiweyo zikwazi ukufumaneka nakubantu abangaboniyo nabangaboni kakuhle. Abantu abaninzi abaqondi ukuba ukucacisa iividiyo nezinto ezirekhodiweyo kwenza nabantu abangaboniyo bakwazi ukuzifumana. Ngoko ndiyawabulela amaNgqina kaYehova ngokwenza loo nto.”
Xa iQumrhu Elilawulayo lagqiba ekubeni indibano yengingqi ka-2020 irekhodwe ngenxa yekhorona, lathi makubekho namazwi acacisa izinto ezirekhodiweyo. Ngo-2020, iSebe Lokuguqulela kwikomkhulu Lehlabathi lamaNgqina KaYehova eliseWarwick, eNew York, eMerika, lenza amazwi acacisa izinto ezirekhodiweyo. Ngo-2021, lo msebenzi kwathiwa mawenziwe lisebe leText Processing Services elikwindawo Yokufundisa YamaNgqina KaYehova ePatterson, eNew York. Eli sebe lokucacisa izinto ezirekhodiweyo kubantu abangaboniyo, lafundiswa indlela yokuwenza kakuhle lo msebenzi kwiklasi eyayenziwe kusetyenziswa i-intanethi.
UGqr. Snyder uthi “unokubafundisa abantu ukucacisa izinto ezirekhodiweyo ngendlela eza kuphumelela.” Wongeza wathi “le nto ithetha ukusebenzisa amagama amafutshane nacacileyo, azokwenza umntu abe nombono wale nto kuthethwa ngayo.”
Okokuqala iqela lamaNgqina kaYehova limamela loo nto irekhodiweyo, lingakhange liyibukele ividiyo yayo. Le nto ilinceda lazi ukuba umntu ongaboniyo uza kuyiqonda njani loo vidiyo yendibano. Umntu ngamnye kweli qela ubhala indlela ayiqonda ngayo le nto irekhodiweyo. Emva koko eli qela libukela ividiyo, lijonge iindawo ekungathethwayo kuzo kuba kulapho amazwi acacisayo aza kufakwa khona.
Ukufaka amazwi acacisa izinto ezirekhodiweyo kwiindawo ekungathethwayo kuzo kwividiyo kuba nzima. UMichael Millen oliNgqina kaYehova elisebenza kwiqela elifaka ingcaciso kwizinto ezirekhodiweyo uthi, “Kuba ingonelanga indawo ekufakwa kuyo amazwi acacisayo, kuye kufuneka sigqibe ukuba yintoni eyona ibalulekileyo ezokwenza ividiyo ivakale.” Siye sizame ukuba ixesha, indawo, abantu abavelileyo nabathethayo nezinto abazenzayo zibe khona.”
Iqela elenza amazwi acacisayo lifanele licacise le nto yenzeka kwividiyo lingafaki indlela elizibona ngayo izinto. Kwincwadi yakhe ethi The Visual Made Verbal, uGqr. Snyder ucebisa abantu abacacisa izinto ezirekhodiweyo esithi: “Abantu abamameleyo mababe nombono wento eyenzekayo kule vidiyo kuba besiva ingcaciso engezombono zamntu. Le nto ithetha ukuba awuzukuthi: ‘Umntu uyacaphuka okanye uqumbile.’ Kodwa uza kuthi: ‘Ubumba inqindi,’ okanye ‘uyalila.’”
Emva kokuba iqela elenza amazwi acacisa izinto ezirekhodiweyo ligqibile ukwenza iscript, kucelwa umntu afunde loo mazwi acacisayo. Ufanele angalitshintshatshintshi ilizwi xa efunda futhi azole. UMichael Millen uthi: “Lo mntu ufundayo akafanelanga akhuphisane nabantu abakwividiyo. Ukuba umntu orekhodayo usemdleni okanye ukhathazekile, loo nto inokwenza umntu omameleyo acinge ukuba lo mntu ufundayo naye ukule vidiyo.”
Iqela elilungisa ividiyo liye liyenze ilungele ukukhutshwa, emva koko ithunyelwa kwamanye amasebe ukuze iguqulelwe kuze kwenziwe amazwi acacisayo nangezinye iilwimi. UMichael uthi kwezi ndibano zimbini zigqithileyo, ukwenza ingcaciso yevidiyo kwasithatha ixesha elide.
AmaNgqina kaYehova aguqulela iincwadi zeBhayibhile ngeelwimi eziyi-1 000. Nangona amazwi acacisayo engabalwa wona kweli nani, abanye bacinga ukuba nawo alulwimi oluzimeleyo. UMichael uthi, “Amazwi acacisa izinto ezirekhodiweyo alulwimi oluguqulelwayo lwabantu abangaboniyo. Ibe imifanekiso evela kwividiyo icaciswa ngamazwi.”
Iyasivuyisa into yokuba uYehova eqiniseka ukuba bonke abantu noba bakweziphi iimeko bafumana izinto abazidingayo ukuze baqinise ukholo lwabo!—Isaya 65:13.