Yiya kwinkcazelo

Umzalwana uArtem Shabliy

APRILI 1, 2022
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Kuba Ngathi Usemva ‘Kodonga Olomeleleyo’ Xa Ukhuselwa NguYehova

Kuba Ngathi Usemva ‘Kodonga Olomeleleyo’ Xa Ukhuselwa NguYehova

NgoFebruwari 16, 2022, iNkundla yedolophu yaseKerch eseCrimea iye yavalela umzalwana uArtem Shabliy yaza yamgwebela ukuba uza kuvalelwa etrongweni iminyaka emibini. Kodwa akazokuya ngoku etrongweni.

Ixesha

  1. NgoMeyi 26, 2020

    Abasemagunyeni bagqogqe ikhaya lika-Artem naweentsapho ezine zamaNgqina kaYehova eCrimea. Xa abasemagunyeni babebahlasela, baye bophula ifestile yaza yasika umntana ka-Artem oneminyaka emine. Emva kokugqogqwa iiyure eziyi-3, baye bambamba uArtem bamvalela kwindawo esecaleni iintsuku ezintathu

  2. NgoJuni 9, 2020

    UArtem wacela inkundla yaseKerch ukuba imbonise izinto ezaziza kusetyenziswa xa kwakuxoxwa ityala lakhe. Nangona wayenelungelo elisemthethweni kwesi sicelo, inkundla ayizange ivume

  3. NgoMeyi 24, 2021

    Ityala laqalisa. Abazalwana noodade beza enkundleni bezokumxhasa, kodwa zange bavunyelwe ukuba bangene ngaphakathi

Ingxelo

Njengokuba sibona kuArtem, uYehova usoloko ebaxhasa abakhonzi bakhe abathembekileyo. Siqinisekile ukuba uYehova uza kuhlala eliliwa, nendawo ekhuselekileyo kubo bonke abazalwana noodade abaseCrimea naseRashiya.—INdumiso 18:2.