MATSHI 31, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
Kuncedwa Abantu Abakhulileyo Bashumayele Baze Bazifumane Neentlanganiso Kweli Xesha Lecoronavirus
Abantu abakhulileyo ngabona banokugula kakhulu ngenxa yecoronavirus. Abazalwana noodadewethu abakhulileyo baye bawasebenzisa amacebiso abezempilo, bahlala ezindlini. Kodwa basaxakekile ibe abekho bodwa. Basebenzisa iteknoloji ukuze bashumayele baze bafumane neentlanganiso.
ERome, eItali, omnye udade oneminyaka eyi-94 owabhaptizwa ngo-1952, ebengakwazi ukuphuma endlini ngenxa yokugula ngaphambi kokuba iqale icoronavirus. Nangona ebezibukela iintlanganiso kuJW Stream, ebengazifumani ezebandla lakhe. Kodwa uyazifumana ngoku aze abone nabantu abasebandleni lakhe, kuba abadala baziqhuba nge-videoconference.
ESpanish Fork, eUtah, eMerika udade Stephanie Aitken, ongevayo, uhlala kwikhaya labantu abagulayo elingavumiyo ngoku ukuba kungene abantu abasuka ngaphandle. Omnye umdala nenkosikazi yakhe bamnceda lo dade wadawunlowuda iapp yevideoconference. Bamchazela ukuba ayidawunlowude njani ngentetho yezandla beme ngapha komnyango weglasi. Xa udade Aitken wayidawunlowudayo le app wavuya kakhulu wade wanga itablet yakhe. Uyavuya kuba ekwazi ukuba kunye nebandla lakhe.
Xa abazalwana noodade, kwanabakhulileyo emhlabeni wonke besebenzisa iteknoloji ngenxa yecoronavirus, siye sikhumbule isithembiso sikaYehova sokuba abantu bakhe baza kuzisebenzisa kakuhle ‘izinto abazidingayo abazinikwa ziintlanga.’ (Isaya 60:16) Siyayazi ukuba uza kusoloko esiba yinto abayidingayo abakhonzi bakhe abasemhlabeni xa kunzima.
Umzalwana nenkosikazi yakhe baseSweden (phezulu ekhohlo), umzalwana waseFransi (ezantsi ekhohlo) nomzalwana nenkosikazi yakhe baseSouth Korea (ekunene) bakwintlanganiso yebandla
Umzalwana nenkosikazi yakhe baseNorway bashumayela ngefowuni
Umzalwana nenkosikazi yakhe bakhuthazwa ngumdala eItali