Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 11, 2019
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Sekuyiminyaka Emihlanu Ikho I-JW Broadcasting

Sekuyiminyaka Emihlanu Ikho I-JW Broadcasting

Kule minyaka mihlanu, abazalwana emhlabeni wonke baye banandipha iinkqubo ezikhuthazayo ku-JW Broadcasting. Njengoko sijonge phambili kwiinkqubo zonyaka wenkonzo ka-2020 nezeminye iminyaka, cinga ngezinto eziye zenzeka ukuqala ngo-Oktobha 2014.

Iguqulelwe ngeelwimi eziyi-185. Ekuqaleni, ibroadcasting yayidlala ngesiNgesi qha. NgoMeyi 2015, iQumrhu Elilawulayo laye lavumela ukuba iguqulelwe ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-40. Ngoku iguqulelwa ngeelwimi ezimalunga ne-185.

Ineevidiyo ezisuka emhlabeni wonke. Kuba ibroadcasting yenzelwe bonke abazalwana, iividiyo ezininzi zenziwa ngamaqela awahlukeneyo emhlabeni wonke. Xa iphela ibroadcasting kuye kudlale ividiyo emfutshane eveza amabandla ahlukeneyo akwiindawo ezikude. Kuye kuvele nawase-Ethiopia, eIceland, eMongolia, eSaipan, eTuvalu nawaseUganda. IJW Broadcasting ibukelwe kumazwe ayi-230, nakwiindawo ezisecaleni njengaseHeard Island naseMcDonalds Islands, eziba nabantu abatyeleleyo qha kuzo. Abantu abaye babukele okanye badawunlowude ibroadcasting ngenyanga ekhululwe ngayo bamalunga ne-8,6 miliyoni.

Izinto ezikwibroadcasting. Zingaphezu kweeyure eziyi-60 izinto ezikhutshiweyo, kuquka iintetho, iincoko, amava, iindaba, kunye neevidiyo. Oko kwakhululwa ingoma yokuqala ethi The Best Life Ever, iividiyo zomculo zidla ngokubakho qho ngenyanga kwibroadcasting. Ezi ngoma ziguqulelwe ngeelwimi eziyi-368.

Abantu abaqhuba ibroadcasting. Ekuqaleni yayingabazalwana beQumrhu Elilawulayo qha. Emva kwexesha, abazalwana abakwiikomiti ezincedisa iQumrhu Elilawulayo baye basetyenziswa ukuze bancedise okanye bayiqhube ngokwabo. Xa bebonke, bayi-29 abazalwana abaye bayiqhuba okanye bancedisa ekuqhubeni ibroadcasting.

Amazwi Ombulelo. Omnye umzalwana waseMerika, owayefunyenwe sistroke noneengxaki ezibangelwe siso, uzithanda kakhulu iingoma zebroadcasting. Uthi: “Lo mculo omnandi osenza sibe nokholo kuYehova nakwiLizwi lakhe, uye wandenza ndatshintsha indlela ebendizibona ngayo izinto waza wandincenda ndakwazi ukunyamezela le ngxaki ndinayo ngoku ebomini bam. Iyandimangalisa indlela lo mculo ondincede ngayo ukuba ndiphucule iimpawu endimele ndibe nazo njengomKristu. Enkosi kakhulu ngeli lungiselelo!”

Enye intsapho yaseMerika yaswelekelwa ngunyana wayo owabulawa yicancer. Emva kokubukela ibroadcasting kaNovemba 2016, le ntsapho yabhala yathi: “Zavele zazehlela iinyembezi xa sasibukele ividiyo yomculo ethi, Seyikufuphi Nyhani. Yayingathi sithi aba bazali baseparadesi abakula vidiyo. Xa ndicinga ukuba andisakwazi kunyamezela le ntlungu, uYehova usoloko esikhumbuza ukuba uyayiqonda indlela esiziva ngayo ibe uza kusinceda sinyamezele. Yayingathi uYehova uphendula imithandazo yethu emininzi esebenzisa le vidiyo.”

Omnye umzalwana nenkosikazi yakhe baseUkraine, bachaza indlela abanombulelo ngayo ngebroadcasting. Bathi: “Ngenxa ye-JW Broadcasting, ngoku abazalwana beQumrhu Elilawulayo ingathi ngabantu abakwintsapho yethu!”

Siyambulela uYehova ngeli lungiselelo eliqhubeka limanyanisa abantu bakhe emhlabeni wonke.​—1 Petros 2:17.