Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 9, 2014
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina KaYehova Azikhusela KwiEbola

AmaNgqina KaYehova Azikhusela KwiEbola

ENEW YORK—Njengoko iEbola eqhambuke eNtshona Afrika iqengq’ ugodo, amaNgqina kaYehova afundisa amalungu awo ngesi sifo.

Emva kokuba kufunyenwe intsholongwane ye-Ebola eGuinea yaze yanwenwela eLiberia naseSierra Leone, iiofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova kula mazwe ziye zathumela iileta ngoko nangoko ezilumkisa onke amabandla. Ezi leta ziquka ulwalathiso namacebiso avela kurhulumente, achaza iingozi zale ntsholongwane, indlela edluliselwa ngayo nezinto ezifanele zenziwe ukuze inganwenwi. UCollin Attick, osisithethi samaNgqina kaYehova eSierra Leone uthi: “Ekubeni le ntsholongwane ihlasele kwiindawo ezingaqondwayo kuyo izifo nalapho amarhe ngonobangela we-Ebola aye athi ndii, ekuqaleni abantu abaninzi bebengazi ukuba bafanele benze ntoni. Kodwa amalungu amabandla ethu athe esakuva ulwalathiso kwiiHolo zoBukumkani, alusebenzisa ngoko nangoko.”

NgoJulayi, abameli bamaNgqina kaYehova abahambahambayo, baye batyelela ibandla ngalinye iintsuku ezimbini eSierra Leone naseGuinea. Kula matyelelo banikela intetho enomxholo othi “Ukuthobela Kusindisa Ubomi,” injongo yayo kukunceda abazalwana bathobele ulwalathiso ukuze bangafunyanwa sesi sifo nokubakhuthaza ukuba baqhubeke bethobela. La matyelelo aza kuqhubeka de ibe nguNovemba 2014. Ukongezelela, kwiindawo zokunqulela zamaNgqina (ekuthiwa ziiHolo zoBukumkani) eGuinea, eLiberia naseSierra Leone kubekwe amanzi aneblitshi okuhlamba izandla. Inkoliso yamaNgqina akula mazwe alandela lo mzekelo, nawo ahlamba izandla emakhayeni awo.

Ukuze ikhuseleke, intsapho yamaNgqina ithobela imiyalelo yendawo ekuhlaliswa kuyo abantu abanale ntsholongwane kwidolophu yaseDolo, kwindawo esempuma yeMonrovia, eLiberia. Abantu bakhululeka kule ndawo ngoSeptemba 8, 2014.

Ngokutsho kwengxelo yeWorld Health Organization kaOktobha 1, 2014, esi sifo siye sachaphazela abantu abayi-7 178. Kubo abangaphezu kwabayi-3 300 baye basweleka ngenxa yaso eNtshona Afrika kutshanje, kodwa ke kulindeleke ukuba enyuke la manani. Ukususela ngo-Oktobha 2, kumaNgqina aseGuinea naseSierra Leone ayi-2 800, libhinqa ebelingumongikazi elosulelwe yile ntsholongwane laza lasweleka ngoSeptemba 25, 2014. KumaNgqina aseLiberia ayi-6 365, ayi-10 aye abulawa sesi sifo, ayi-6 kuwo ebesebenza esibhedlele. Nangona esi sifo siye sanwenwela naseNigeria kutshanje, alikho iNgqina eliye losulelwa siso. Ukongezelela, abakho abathunywa bevangeli abakula mazwe abaye bosulelwa; njengoko le ntsholongwane ibinwenwa, uninzi lwabathunywa bevangeli bebesekhefini okanye ezindibanweni eYurophu naseMerika. Abanye basandula ukubuyela kwizabelo zabo yaye bathobela izilumkiso nemiyalelo evela kwiofisi yesebe. Abanye abathunywa bevangeli abakabuyi ngenxa yemiqathango ebekelwe iinqwelo-moya okanye ezinye iimeko.

Indawo yokuhlamba izandla kwiHolo yoBukumkani eSierra Leone.

Iikomiti zokunceda zamatsha-ntliziyo angamaNgqina zinceda amaNgqina anyamekele iintswelo zeentsapho zawo nabazalwana kumazwe aseNtshona Afrika ahlaselwe kanobom yiEbola. UThomas Nyain, isithethi samaNgqina kaYehova eLiberia uthi: “Ukulandela imigaqo yeBhayibhile yokucoceka nokubahlalisa bodwa abo banesi sifo kuyasinceda kule meko. NjengamaNgqina kaYehova, siyaziphepha iindlela zokungcwaba ezingavisisaniyo nezibhalo. Oku kube luncedo kakhulu kubazalwana bethu, ngokukodwa kula maxesha anzima.”

ESierra Leone, kwenziwa isaziso ereyidweni esichaza indlela amaNgqina kaYehova awanceda ngayo amalungu awo nabanye abantu abangengomaNgqina baphephe intsholongwane ye-Ebola. Abasemagunyeni baye bacela iikomiti zokunceda zamaNgqina ukuba zincede urhulumente kwelo lizwe.

UJ. R. Brown, isithethi samaNgqina kaYehova kwikomkhulu eNew York, uthi: “Sikhuthazwa kukubona abazalwana bethu eNtshona Afrika bephaphile ngoxa beqhubeka nomsebenzi wabo wokufundisa iBhayibhile kangangoko kunokwenzeka. Sisoloko sicinga yaye sibathandazela abazalwana noodade nabanye abaye bachatshazelwa yile ntsholongwane.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EGuinea: uThierry Pourthié, tel. +224 631 40 96 50

ELiberia: uThomas Nyain, Sr., tel. +231 886 513 414

ENigeria: uPaul Andrew, tel. +234 7080 662 020

ESierra Leone: uCollin Attick, tel. +232 77 850 790