Yiya kwinkcazelo

MEYI 15, 2014
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina KaYehova Azisa Ngeendibano Zezizwe Ngezizwe

AmaNgqina KaYehova Azisa Ngeendibano Zezizwe Ngezizwe

ENEW YORK—AmaNgqina kaYehova aye azisa ukuba, kuza kubakho iindibano zeentsuku ezintathu zezizwe ngezizwe kwizixeko ezithile ukususela ngoJuni 2014 ukusa ngoJanuwari 2015. Ezi ndibano ziza kuqala eUnited States ziqhutywe naseOstreliya, e-Ecuador, eNgilani, eJamani, eGrisi, eMexico, kuMzantsi Korea naseZimbabwe. Ziza kuqhutywa ngaxeshanye neendibano zeengingqi amaNgqina aba nazo nyaka ngamnye.

Iindibano zezizwe ngezizwe ziza kuqala ngoJuni 6, 2014, eFord Field eDetroit, eMichigan, eUnited States. Kulindeleke kubekho abantu abamalunga nabayi-45 500 kuquka iindwendwe ezisuka kwamanye amazwe eziyi-2 500.

Kwezi ndibano zezizwe ngezizwe kuza kubakho iindwendwe ezisuka kwamanye amazwe ibe ezinye ziza kuba nabo nabathunywa bevangeli abatyeleleyo. UJ. R. Brown, isithethi samaNgqina kaYehova kwikomkhulu lehlabathi eBrooklyn, eNew York, uthi: “Siba nexesha elimnandi kwiindibano zethu zezizwe ngezizwe. Sicinga ukuba nabanye abantu bangazivuyela ezi zihlandlo njengoko sisiba kunye neentsapho nabahlobo bethu kuzo.”

Umxholo wendibano uthi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” UMnu. Brown uthi: “Le ndibano iza kubalaselisa eyona nto ithetha ngayo iBhayibhile nezona nkolelo zimbini zamaNgqina kaYehova: uBukumkani bukaThixo baqala ukulawula ngo-1914 nokuba uYesu Kristu nguKumkani woBukumkani. Eneneni, le ndibano iza kuba ngonyaka wekhulu woBukumkani bukaThixo.”

AmaNgqina alungiselela ukwenza iphulo lokumema abamelwane ukuze beze kule ndibano. Njengoko kunjalo nakwiintlanganiso zamaNgqina, akungenwa ngamali ibe akuzi kuqokelwa nkongozelo.

Iintsuku neendawo eziza kuqhutyelwa kuzo iiNdibano zika-2014 ezinomxholo othi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” zikwiwebhsayithi esemthethweni yamaNgqina kaYehova ethi, jw.org. Iintatheli zinokuqhagamshelana neofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ngegama lomntu ojongene namajelo eendaba kwindibano nganye, nezinye iindlela ezinokucholacholwa ngayo iindaba ngezi ndibano.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000