Yiya kwinkcazelo

MATSHI 20, 2014
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina KaYehova Aqalise Iphulo Elenziwa Ehlabathini Lonke Lokumemela Abantu KwiSikhumbuzo Sokufa KukaKristu

AmaNgqina KaYehova Aqalise Iphulo Elenziwa Ehlabathini Lonke Lokumemela Abantu KwiSikhumbuzo Sokufa KukaKristu

ENEW YORK—NgoMgqibelo, ngoMatshi 22, 2014, amaNgqina kaYehova aqalise ukumemela abantu kwesona siganeko sibalulekileyo kuwo esenziwa nyaka ngamnye: iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Xa bebonke abantu ababezile kulo nyaka udlulileyo babeyi-19 241 252. AmaNgqina anethemba lokufikelela inani elitsha kwiSikhumbuzo salo nyaka esiza kuba ngoMvulo, ngoAprili 14 emva kokutshona kwelanga.

UJ. R. Brown, osisithethi esikwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eNew York uthi: “Bonke abaza kube bekho eSikhumbuzweni kunye nathi baza kusivuyela esi sihlandlo baze bancedakale kuso. Loo nto isenza senze konke okusemandleni ukuze abantu sibamemele kwesi siganeko sikhethekileyo.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000