Yiya kwinkcazelo

MEYI 16, 2013
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

IiNdibano ZamaNgqina KaYehova Ezinomxholo Othi ‘ILizwi LikaThixo Liyinyaniso!’

IiNdibano ZamaNgqina KaYehova Ezinomxholo Othi ‘ILizwi LikaThixo Liyinyaniso!’

ENEW YORK—AmaNgqina kaYehova anandipha iindibano ezibakho minyaka le kunye nephulo lokumema abantu ukuba beze kuzivela. Umxholo wendibano yalo nyaka uthi ‘ILizwi LikaThixo Liyinyaniso!’ Ezi ndibano ziqalise eUnited States kwinyanga kaMeyi kwaye ziza kuqhuba kuwo onke amazwe de kube sekupheleni kukaDisemba.

Isithethi samaNgqina uJ. R. Brown sithi: “Umxholo wendibano yalo nyaka ubalulekile kuba uthetha ngendlela iintsapho ezinokuncedakala ngayo. Iintsapho zamaNgqina ziyijonga iBhayibhile njengencwadi enamacebiso nokhokelo oluhle kula maxesha anzima siphila kuwo. Kwaye sikholelwa ukuba wonke umntu angafunda lukhulu kwezi ndibano zinamacebiso asebenzisekayo.”

UMnu. uBrown uthi ukufunda iBhayibhile kulisiko lamaNgqina kaYehova. Veki nganye iintsapho zamaNgqina zibeka bucala ingokuhlwa eziyisebenzisela ukufunda nokuphanda iZibhalo, eziyibiza ngokuba “Lunqulo Lwentsapho.” UMnu. uBrown waleka ngokuthi: “Indibano yalo nyaka iza kunceda iintsapho nabo bangatshatanga ngokubanika amacebiso ngeendlela ezintsha zokuqhuba unqulo lwentsapho okanye ufundisiso lobuqu lweBhayibhile. Kwaye amaNgqina ajonge phambili ekufumaneni la macebiso matsha kwiindibano zethu zaminyaka le.”

Imihla kunye neendawo eziza kuqhutyelwa kuzo ezi ndibano zika-2013 ezithi ‘ILizwi LikaThixo Liyinyaniso!’ zifumaneka kwiWebhsayithi yamaNgqina ethi jw.org/xh. Iintatheli zingafowunela okanye zibhalele iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ukuze zifumane inkcazelo engakumbi, kuquka igama lomntu onganikela inkcazelo engakumbi ngeendibano zasekuhlaleni.

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, kwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo, +1 718 560 5000