MEYI 16, 2017
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
Iindibano ZamaNgqina Ziyaqala
ENEW YORK—NgoMeyi 19, 2017 amaNgqina KaYehova aza kuqalisa iindibano zawo zeentsuku ezintathu ezinomxholo othi “Unganikezeli!” Ziza kuqhutywa kwiindawo ezahlukeneyo ehlabathini de kube sekuqaleni kuka-2018. Njengakwiminyaka edlulileyo, ehlabathini lonke amaNgqina axakekile amema abantu ukuba babekho.
Akungenwa ngamali, ibe akufunwa nkongozelo. UDavid A. Semonian, isithethi samaNgqina KaYehova esikwikomkhulu lawo lehlabathi eWarwick, eNew York uthi: “Kulo nyaka uphelileyo, ehlabathini lonke kwakuze abantu abaphantse babe yi-13 miliyoni kwezi ndibano. Siyathemba ukuba baza kuba ngaphezulu kulo nyaka.”
Iintetho eziza kunikelwa kwezi ndibano ziyi-52, ezinye zazo zimfutshane. Kuza kuncokolwa nabanye abantu kuze kubukelwe iividiyo ezimfutshane. Suku ngalunye emva kwemini kuza kubukelwa umdlalo othi Khumbulani UmkaLote. Imihla neendawo eziza kuqhutyelwa kuzo ezi ndibano zikwiwebhsayithi yamaNgqina u-jw.org/xh. Oonondaba banokudibana neofisi yesebe lamaNgqina KaYehova ekufutshane ukuze bafumane inkcazelo engakumbi. Abo bafuna ukuyisasaza, iofisi yesebe inokubanika igama lomntu okufutshane abanokudibana naye.
UMnu. Semonian uthi: “Iingxaki zobomi zinokusenza singabi naxolo zize zibangele abanye bafune ukunikezela. Indibano yalo nyaka iza kunceda amaNgqina nabantu abangengawo, kuba ikhuthaza mntu ngamnye ukuba anganeli nje kukunyamezela, kodwa abone iindlela anokujongana ngazo neengxaki.”
Onokuqhagamshelana Naye:
UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-300