Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 27, 2013
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Utshintsho olwenziwa ku-JW.ORG/XH

Utshintsho olwenziwa ku-JW.ORG/XH

Ekuqaleni kukaOktobha 2013, indawo ethi Iindaba kunye nethi Inkcazelo Engakumbi Ngathi ezikwiwebhsayithi yethu ziza kutshintsha. Ethi Iindaba iza kutshintshwa igama kuthiwe Ligumbi leendaba. Inkcazelo eza kuba kweli candelo iza kukhutshwa kucingwa ngamajelo eendaba kunye nabezomthetho. Amabali amaninzi ebekade evela kwindawo ethi Iindaba aza kuvela kwicandelo elithi Inkcazelo Engakumbi Ngathi kwindawo entsha ethi Izinto Esizenzayo. Inkcazelo evela kule ndawo iza kuthandwa ngabo banomdla kwimisebenzi eyenziwa ngamaNgqina kaYehova. Amabali kunye neevidiyo aza kuvela kwezi ndawo zilandelayo: Ukushumayela Esidlangalaleni, Umsebenzi Wokupapasha, Iziganeko Ezikhethekileyo, Ubomi BaseBheteli, Amaphulo Okwakha, Ukunceda Abantu Basekuhlaleni nethi Ukuphila Ngemigaqo YeBhayibhile.