Yiya kwinkcazelo

APRILI 30, 2015
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina KaYehova Azisa Ngeendibano Zawo Zengingqi Zika-2015 Eziza Kuqala NgoMeyi

AmaNgqina KaYehova Azisa Ngeendibano Zawo Zengingqi Zika-2015 Eziza Kuqala NgoMeyi

ENEW YORK—Iindibano zengingqi zamaNgqina KaYehova zika-2015 ziza kuqalisa ngoMeyi 22, 2015 eMerika. Ezi ndibano zengingqi zika-2015 zinomxholo othi “Yiba NjengoYesu!” ziza kubakho ehlabathini lonke de kube ngoJanuwari 2016. Kwiiveki ezintathu ngaphambi kokuqalisa kwendibano nganye, amaNgqina aza kuphum’ iphulo emema abantu ukuba beze kuzimasa esi sihlandlo simahla.

UJ. R. Brown, osisithethi samaNgqina KaYehova kwikomkhulu lawo eliseBrooklyn, eNew York uthi: “Umxholo wendibano yalo nyaka ubonisa ukuba uYesu Kristu waziwa kwindalo yonke ibe ungumzekelo omhle ebantwini enoba badala kangakanani, banayiphi imvelaphi, okanye ngabaluphi uhlanga. Sikholelwa ukuba abantu baza kuyithanda indlela ebangel’ umdla eziza kuchazwa ngayo iziganeko ezibalulekileyo ezenzeka ebomini bukaYesu. Ucwangciso lwalo nyaka luza kukuchukumisa nyhani, ibe luza kuba neevidiyo ezibangel’ umdla ezibonisa indlela esinokuncedakala ngayo xa sisiba njengoYesu kwizinto esizenza imihla ngemihla.”

Umhla neendawo eziza kuba kuzo iindibano zengingqi zika-2015 ezinomxholo othi “Yiba NjengoYesu!” zifumaneka kwiwebhsayithi yamaNgqina ethi jw.org. Iintatheli zinokuqhagamshelana neofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ekufuphi ukuze zifumane inkcazelo engakumbi, kuquka neenkcukacha zabantu basekuhlaleni abanokuzichazela ngendibano.

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000