Yiya kwinkcazelo

JUNI 4, 2014
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina Aqalisa Iindibano Zezizwe Ngezizwe

AmaNgqina Aqalisa Iindibano Zezizwe Ngezizwe

ENEW YORK—Indibano yokuqala yamaNgqina kaYehova yezizwe ngezizwe enomxholo othi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” iza kuba seFord Field eDetroit, eMichigan, eMerika ukususela ngoJuni 6, 2014. Iinxalenye ezithile zolu cwangciso ziza kusasazwa nakwezinye iindawo, njengaseArizona, eCalifornia, eFlorida, eIllinois, eMissouri, eNew Jersey nakuMntla weCarolina yaye ziza kuguqulelwa kwisiAlbania, isiKorea, isiPolish nesiPhuthukezi.

UJ. R. Brown, osisithethi samaNgqina kaYehova esikwikomkhulu lawo eBrooklyn, eNew York uthi: “Kwezi veki zintathu zidlulileyo, amaNgqina aseDetroit namanye akwezinye izixeko eziza kubukela le ndibano kwividiyo, ebemema abamelwane ukuze azivele olu dlwabevu lwendibano. Silindele ukuba kubekho abantu abamalunga nabayi-45 000 eDetroit, kunye namaNgqina angaphezu kwayi-2 000 asuka eKhanada, eJamani, eOstreliya naseTaiwan.”

Kwezi nyanga zizayo amaNgqina aseUnited States aza kuba neendibano zezizwe ngezizwe eziyi-16 kumabala amakhulu, yaye ziza kuba kumaphondo ayi-10. Kwezinye iindawo, ucwangciso lwendibano luza kufumaneka luphelele okanye luziinxalenye ngesiAlbania, isiArabic, isiArmenia, isiCantonese, isiChuukese, isiFrentshi, isiGrike, isiHaitian Creole, isiHindi, isi-Iloko, isi-Indonesia, isiTaliyane, isiJapan, isiKorea, isiMandarin, isiMarshallese, iNtetho Yezandla yaseMerika, isiPersi, isiPolish, isiRomania, isiRashiya, isiSamoa, iSpanish, isiTagalog, isiTwi nesiVietnamese. Ukususela ngoJuni 2014 ukusa kunyaka ka-2015, amaNgqina aza kuba neendibano zezizwe ngezizwe eOstreliya, e-Ecuador, eNgilane, eJamani, eGrisi, eMexico, kuMzantsi Korea naseZimbabwe.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000