Yiya kwinkcazelo

(Ekhohlo) Ezinye izinto esinokuzenza ukuze sizikhusele kukusoloko siziklina iindawo esizibamba qho emakhayeni ethu nakwiiHolo ZoBukumkani; (Phakathi) Kwiindawo ezinabantu abaninzi abanecoronavirus, abavakalisi basenokushumayela ngezinye iindlela, njengokushumayela ngefowuni; (Ekunene) Xa icoronavirus isasazekile kwezinye iindawo, ngokujonga iimeko zendawo abahlala kuyo, abadala banokunceda abavakalisi babukele iintlanganiso ezirekhodiweyo ezindlini zabo

MATSHI 3, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Ingxelo Ngecoronavirus Nezinto Esinokuzenza Ukuze Sizikhusele

Ingxelo Ngecoronavirus Nezinto Esinokuzenza Ukuze Sizikhusele

Abazalwana abakwikomkhulu lamaNgqina KaYehova bahlala bejonga ukuba isifo secoronavirus (esaziwa ngokuba yiCOVID-19) sisasazeka phi, ibe abasemagunyeni bacebisa ukuba kwenziwe ntoni. Isiprofeto seBhayibhile sathi ngemihla yokugqibela kuza kubakho izifo ezingubhubhani. (Luka 21:11) Xa kukho abantu abaninzi abanesifo, siyakuba silumkile ukuba siyazikhusela size sikhusele nabanye abantu.​—IMizekeliso 22:3.

Abanye basenokuzibuza ukuba banjani abazalwana noodade abakwiindawo ezinesi sifo. Ngenxa yeCOVID-19, iiofisi zamasebe namabandla aseItali, eJapan, eSouth Korea nakwamanye amazwe, kuye kwafuneka atshintshe indlela azenza ngayo izinto ezithile. Kwezinye iimeko, iofisi yesebe kuye kwafuneka ingabavumeli abantu abangahlali kuyo bangene. Kanti kwezinye, kuye kwathiwa azizubakho iindibano zesiphaluka, kuba abasemagunyeni bengavumi abantu abaninzi badibane. Kwezinye iindawo namabandla kuye kwafuneka ashumayele aze aqhube iintlanganiso ngezinye iindlela. Nangona kukho ezi ngxaki, abazalwana bethu abayekanga ukufunda iBhayibhile nokukhuthazana.​—Yuda 20, 21.

Kwezi zinto zenzekayo, abazalwana bethu babone ukuba le migaqo ingezantsi iyanceda. Inokunceda nawe nentsapho yakho ukuba kukho esi sifo kwindawo ohlala kuyo.

  • Zola. Xa bebaninzi abantu abanesifo simele silumke size senze nantoni na esinokuyenza ukuze singasifumani. Kodwa asimele sidyuduzele kuba sisoyika.​—IMizekeliso 14:15; Isaya 30:15.

  • Bathobele Abasemagunyeni. Abasemagunyeni baye bachaze izinto emazenziwe nemazingenziwa ukuze bakhusele abantu. Simele sibamamele size sibathobele.​—Roma 13:1.

  • Coceka. Hlamba izandla zakho qho ngamanzi nesepha okanye usebenzise isanitizer enealcohol. Kufuneka sisoloko siziklina neendawo esizibamba qho emakhayeni ethu nakwiiHolo ZoBukumkani. Enye into, oogqirha bathi masingabulisani ngezandla xa kukho isifo kuba sinokusasazeka. IWorld Health Organization inawo namanye amacebiso ngecoronavirus.

  • Sonke siyayazi ukuba kubalulekile ukuya kwiintlanganiso nokushumayela, kodwa ukuba uyagula kubhetele uhlale endlini ukuze ungosuleli abanye abantu. Xa usenza le nto ubonisa ukuba uyabathanda abazalwana noodade, nabamelwane bethu abangengomaNgqina.​—Mateyu 22:39.

  • Thobela Xa Izinto Zitshintshwa Ebandleni Lakho Okwexeshana. Kwiindawo ezinabantu abaninzi abanecoronavirus, kusenokunyanzeleka ukuba iofisi yesebe yenze isigqibo sokuba zingabikho iintlanganiso zebandla, iindibano ezincinci nezinye iintlanganiso okwexeshana. Kwenziwe loo nto kwiindawo ezinabantu abaninzi abaneCOVID-19, njengaseItali, eJapan naseSouth Korea. Ngokujonga iimeko zendawo abahlala kuyo, abadala banokunceda abavakalisi babukele iintlanganiso ezirekhodiweyo ezindlini zabo. Abavakalisi banokushumayela ngefowuni, bathumele imiyalezo, iie-mail okanye babhale iileta.