Yiya kwinkcazelo

MATSHI 28, 2018
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina KaYehova Abonisa Ukumanyana Kwawo Ngokubhala Iileta Eziya ERashiya

AmaNgqina KaYehova Abonisa Ukumanyana Kwawo Ngokubhala Iileta Eziya ERashiya

NgoLwesibini, ngoMatshi 21, 2017, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova liye lacela abazalwana ehlabathini lonke ukuba babhalele urhulumente waseRashiya iileta ezimcela ukuba angawuvali umsebenzi wawo eRashiya. Nangona singenakuqiniseka ukuba zingaphi iileta ezafikayo eRashiya, kodwa siyazi ukuba bakhona abazalwana abafumana impendulo echazayo ukuba iileta zabo zifikile eRashiya. Nangona urhulumente waseRashiya engazange azihoye ezo zicelo waza walisebenzisa kakubi igunya lakhe ngokuhlasela abazalwana, eli phulo, liye labonisa ihlabathi lonke ukuba intlangano kaYehova imanyene. Libonise nabazalwana baseRashiya ukuba abazalwana ehlabathini lonke bayabaxhasa.—1 Petros 2:17.

Intombazana eseBolivia ibhala eyayo ileta.

AmaNgqina amaninzi enza umgudu ukuze abhale aze athumele ezi leta. Kwamanye amazwe ukuthumela ileta eRashiya kubiza imali eninzi, ngoko abazalwana abanayo imali, bebenceda abo bangenayo ukuze iileta zabo zifike eRashiya. Abazalwana noodade abaninzi badibana njengeentsapho okanye amabandla ukuze babhale ezi leta baze bazithumele kunye. Ngale ndlela, abazalwana abazange bonge nje imali kodwa benza into abangasoze bayilibale eyabenza basondelelana njengabazalwana kunye noYehova.

Kukho iingxelo ezithi nabantu abasebenza eposini baye balixhasa eli phulo. Ngokomzekelo, umphathi wenkampani ethumela iipasile eseBarranquilla, eColombia, wathi: “Ndithande indlela enimanyene ngayo namanye amaNgqina kaYehova asemhlabeni wonke, nokufuna kwenu ukunceda amaNgqina aseRashiya. Ndicinga ukuba le nto niyenzayo ayenziwa apha eBarranquilla qha, kodwa yenziwa nakwezinye iindawo. Lo myalezo wenu uza kuviwa ngabantu abaninzi ibe ndiyathemba ukuba nabanye abantu baza kubona indlela obaluleke ngayo.” Umphathi wenye iposi eseAnseong, eMzantsi Korea, wenzela amaNgqina KaYehova ifestile yawo yokuthumela iileta, waza wabapha neemvulophu zokuthumela iileta kwamanye amazwe.

Abazalwana bebandla eliseGuinea babhala iileta.

UYaroslav Sivulskiy osisithethi samaNgqina KaYehova uthi: “Xa abazalwana baseRashiya beva ukuba iQumrhu Elilawulayo lathi makuqaliswe iphulo lokubhala iileta emhlabeni wonke, baqonda ukuba nokuba kungenzeka ntoni enkundleni, into abayaziyo kukuba abazalwana babo bakunye nabo.”

UMark Sanderson weQumrhu Elilawulayo uthi: “Ukubhalwa kwezi leta kwabonisa ukuba nyhani abantu bakaYehova bamanyene. Njengoko sisiya sisondela kwisiphelo seli hlabathi, kuza kufuneka sixhasane nangakumbi ukuze siphumelele. Okwalo mzuzu sisalindele kuYehova ngale nto yaseRashiya, siza kwenza nantoni na ukuze sincede abazalwana bethu. Siza kubathandazela, sisazi kakuhle ukuba uThixo wethu uza kubanyamekela kuzo zonke izinto.”—INdumiso 65:2.

 

EAustria

EBolivia

EBosnia naseHerzegovina

EDenmark

E-Ecuador

EJamani

EGhana

EGuatemala

EIndonesia

EJapan

ENepal

ERomania

ERwanda

ESlovakia

ESpeyin

ESri Lanka

ESwitzerland

ETanzania

EZambia