Yiya kwinkcazelo

AGASTI 1, 2014
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina Azisa NgeWebhsayithi Efumaneka Ngeelwimi Ezininzi, I-JW.ORG

AmaNgqina Azisa NgeWebhsayithi Efumaneka Ngeelwimi Ezininzi, I-JW.ORG

ENEW YORK—NgoAgasti 1, 2014, ehlabathini lonke amaNgqina kaYehova aqalise ukusasaza iphecana elitsha elinomxholo othi, Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?, ukuze abantu bangene kwiwebhsayithi yawo i-jw.org. Le yeyona webhsayithi iguqulelwe ngeelwimi ezininzi ehlabathini. Ifumaneka ngeelwimi ezimalunga neziyi-500, yaye uncwadi olukuyo lunokudawunlowudwa ngeelwimi eziphantse zibe yi-700.

Suku ngalunye kungena abantu abangaphezu kwesigidi kwi-jw.org. Inamanqaku neevidiyo ezinamacebiso aluncedo kubantu abaneminyaka, iimvelaphi neemeko ezahlukahlukeneyo. Enye yezi vidiyo, enomxholo othi, Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? iza kufumaneka kwikhowudi onokuyiskena ekwiphepha elingasemva leli phecana litsha. Le vidiyo ibonisa izinto ezenzeka ngokwenene ebomini kunye noopopayi ababonisa indlela ekuluncedo ngayo ukufunda iBhayibhile. Ngoku sithethayo, ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-450 yaye ukususela ekukhutshweni kwayo ngoNovemba 18, 2013, idawunlowudwe amaxesha aphantse abe zizigidi eziyi-4.

Isithethi samaNgqina kaYehova, esikwikomkhulu lawo eBrooklyn, eNew York, uJ. R. Brown sithi: “Silivuyela kakhulu eli phulo. AmaNgqina kaYehova aphantse abe zizigidi ezisibhozo ehlabathini lonke yaye sonke sithetha nabamelwane ngale webhsayithi yethu. Eli lelona phulo likhulu kwesikhe sawenza.”

UGeoffrey Jackson, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova uthi: “Oko yenziwa le webhsayithi kwiminyaka emibini edluleyo, incede abantu abaninzi ehlabathini lonke. Unokubukela iividiyo ezinokunceda abantwana bakho, uye kumanqaku anokunceda intsapho yakho uze ufunde neBhayibhile. Sifumanise ukuba i-jw.org incede abantu abaninzi, yiyo loo nto sisasaza eli phecana ngokukhethekileyo.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000