Yiya kwinkcazelo

JULAYI 8, 2013
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Izikhukula kuMbindi Yurophu

Izikhukula kuMbindi Yurophu

Ekuqaleni kukaJuni kwabakho izantyalantyala ezinamandla zemvula kumbindi weYurophu, eAustria, eCzech Republic, eJamani, eHungary, eSlovakia, naseSwitzerland. Kusweleke abantu abayi-20 baza abayi-100 000 basiwa kweminye imimandla. Iingxelo ezikhoyo zibonisa ukuba akukho maNgqina aswelekayo okanye onzakalayo kule ntlekele. Kodwa ke, kukho amaNgqina ayi-100 aseJamani kunye neentsapho ezilishumi zaseCzech Republic ekuye kwafuneka ukuba zisiwe kweminye imimandla. AmaNgqina onakalelwe ngamakhaya aye afumana iindawo zokuhlala kubahlobo okanye kwamanye amaNgqina. Enye iHolo yoBukumkani yaseJamani nenye eseAustria ziye zawohloka. Abadala abangamaKristu bebenceda ngokuthuthuzela abantu ngeZibhalo nangokubaxhasa ngezinto eziyimfuneko.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EJamani: UWolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110

ESlovakia: URastislav Eliaš, tel. +421 2 49107611