Yiya kwinkcazelo

MATSHI 20, 2014
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Uswelekile UGuy H. Pierce, Obelilungu LeQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

Uswelekile UGuy H. Pierce, Obelilungu LeQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

ENEW YORK—UGuy H. Pierce obelilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova eliseBrooklyn, eNew York, uye wasweleka ngoLwesibini ngoMatshi 18. Ebeneminyaka eyi-79.

UMnu. Pierce usebenze kwiikomiti ezahlukahlukeneyo ezivelela imisebenzi enento yokwenza namaNgqina nomsebenzi wawo wokufundisa ngeBhayibhile owenziwa ehlabathini lonke. Umsebenzi wakhe ubufuna ukuba ahambe kakhulu ibe ebezisebenzisa ezi zihlandlo ukuze akhuthaze amaNgqina kaYehova asehlabathini lonke. Ebenomsebenzi omninzi, ebesaziwa njengomntu obexakeka kodwa obezipha ixesha lokuphulaphula abantu abadinga uncedo okanye abafuna ukucetyiswa, ibe uncumo nokuba liqhula kwakhe bekusenza abantu bakhululeke. Abona bantu bamaziyo, baphawula ukuba abantu abaneemvelaphi okanye iintlanga ezahlukahlukeneyo bezitsaleleka kuye. Kwintetho yakhe ayinikele kwitheko labaphumelele eGiliyadi, uMnu. Pierce wathetha ngento aziwa ngayo, wathi: “Yimele imithetho efanelekileyo, kodwa yiba bhetyebhetye. Mus’ ukubajongela phantsi abantu osebenza nabo kuba belolunye uhlanga.”

UGuy Hollis Pierce wazalelwa eAuburn, eKhalifoniya, ngoNovemba 6, 1934. Wabhaptizwa njengeNgqina likaYehova ngoAgasti 14, 1955, ena-20. Watshata nelinye iNgqina uPenelope (Penny) Wong, ngoMeyi 30, 1977, baza bakhulisa abantwana. Umsebenzi waba bakwaPierce yayikukufundisa abanye abantu iBhayibhile (amaNgqina athi ayengoovulindlela abathe ngxi). Kamva, wayehambahamba etyelela amabandla amaNgqina kaYehova kulo lonke elaseUnited States ukuze akhuthaze abanye abenza umsebenzi wokushumayela nabanye abasemabandleni asekuhlaleni. Ngo-1997, abakwaPierce bacelwa ukuba baye kusebenza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eUnited States. Ngo-Oktobha 2, 1999, kwenziwa isaziso sokuba uMnu. Pierce ulilungu elitsha leQumrhu Elilawulayo.

UMnu. Pierce wayengusihlalo kwintlanganiso yonyaka ye-129 ye-Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, ngempelaveki yango-Oktobha 5 nange-6 2013. Abantu ababelapho ababesuka kumazwe ayi-31 babeyi-1 413 676, abanye kweli nani babebukele kwi-intanethi. Ngokutsho kwewebhsayithi yamaNgqina esemthethweni, le yayiyeyona ndibano inkulu yamaNgqina kaYehova.

Ukongezelela, ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uPenny, abantwana abathandathu, abazukulwana abaliqela nesizukulwana sabo. Uza kukhunjulwa ngamaNgqina kaYehova akwiindawo ngeendawo awayewagqala njengosapho.

IQumrhu Elilawulayo liye lathetha ngokholo lwakhe olomeleleyo nokumela kwakhe imigaqo nemithetho kaYehova laza longezelela lathi: “Siya kuhlala sikhumbula indlela awayenesibindi ngayo, ubomi bakhe basemhlabeni abuphile ngokuthembeka buza kusomeleza ukuba siqhubeke sikhonza.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000