Yiya kwinkcazelo

MATSHI 20, 2015
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

Kusenokubakho Izigidi Eziyi-20 Kwisiganeko SamaNgqina Saminyaka Le

Kusenokubakho Izigidi Eziyi-20 Kwisiganeko SamaNgqina Saminyaka Le

ENEW YORK—Emva kokutshona kwelanga ngoLwesihlanu, ngoAprili 3, 2015, amaNgqina KaYehova aza kube ekhumbula ukufa kukaYesu, isiganeko asigqala njengesona sibalulekileyo enyakeni. Kuza kunikelwa intetho yemizuzu eyi-45 enomxholo othi, “Kuxabise Oko Akwenzele Kona UKristu!” Kwiintsuku ezingaphambi kwesi siganeko sibalulekileyo, amaNgqina aza kube exakekile ehlabathini lonke, emema abamelwane, izihlobo neentsapho zawo.

UJ. R. Brown, isithethi samaNgqina KaYehova kwikomkhulu lawo eBrooklyn, eNew York, sithi: “Kulo nyaka uphelileyo, amaNgqina KaYehova angangezigidi eziyi-8 aye amemela abantu kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu, yaye kweza abantu abaphantse babe zizigidi eziyi-20. Kulo unyaka, sinethemba lokuba siza kuba ngaphaya kweloo nani.”

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000