Yiya kwinkcazelo

MEYI 4, 2016
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE

AmaNgqina Alungiselela Indibano Yengingqi ka-2016 Yokungagungqi Ekukhonzeni UYehova

AmaNgqina Alungiselela Indibano Yengingqi ka-2016 Yokungagungqi Ekukhonzeni UYehova

ENEW YORK—AmaNgqina kaYehova amema bonke abantu ukuba beze kwiNdibano yeNgingqi ka-2016 enomxholo othi “Ungagungqi Ekukhonzeni UYehova!” Ukususela ngoLwesihlanu, Meyi 20, amaNgqina aza kube enale ndibano kungenwa simahla kuyo eMerika nasehlabathini lonke.

Olu cwangciso lweentsuku ezintathu luza kuba neentetho ezingama-49, ibe nganye kuzo iza kuthetha ngomxholo wendibano. Ukongezelela, amaNgqina alungiselele iividiyo ezingama-35 eziza kudlalwa kule ndibano kunye neefilimu ezimbini ezimfutshane eziza kudlalwa ngoMgqibelo nangeCawa. Suku ngalunye, ucwangciso lwakusasa luza kutshayelelwa ngeevidiyo zomculo ezilungiselelwe le ndibano.

Ngokwendlela aqhele ukwenza ngayo kwiminyaka edluleyo, amaNgqina aza kuhambisa izimemo ezikhethekileyo ebantwini ebamemela kule ndibano. Imihla eza kuba ngayo le ndibano neendawo eza kuqhutyelwa kuzo iyafumaneka kwiwebhsayithi yamaNgqina, i-jw.org/xh. Iintatheli zinokuqhagamshelana ne-ofisi yesebe YamaNgqina kaYehova ekufutshane nazo ukuze zifumane inkcazelo engakumbi zize zazi noonondaba abaza kube besebenza kule ndibano.

UDavid A. Semonian, osisithethi samaNgqina kaYehova kwikomkhulu lawo eBrooklyn, eNew York, uthi: “Sikholelwa ekubeni ukunyaniseka kubalulekile ukuze sibe nobuhlobo obomeleleyo. Indibano yethu yalo nyaka inezinto eziza kunceda abantu bavane ngakumbi nabahlobo, amalungu entsapho ukanti ngaphezu kwako konke noThixo. Siqinisekile ukuba bonke abezayo baza kuluvuyela olu cwangciso.”

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000