Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndizothini Ukuba Abazali Bam Bayadivosa?

Ndizothini Ukuba Abazali Bam Bayadivosa?

 Enye yezinto ezenza abantu abasebatsha babe nestres kuxa abazali babo bedivosa. Ungenza ntoni xa kusenzeka le nto ibuhlungu?

Kweli nqaku

 Izinto ezintathu omele ungazenzi

 1. Ungacingi ukuba nguwe obangele ingxaki

 “Umama wayekhe wandixelela ukuba iingxaki zakhe notata zaqala emva kokuba kuzelwe mna. Le nto yandenza ndacinga ukuba umtshato wabo umoshakele ngenxa yam.”—UDiana.

 Into omele ungayilibali: Ayinguwe obangele ukuba abazali bakho badivose. Iingxaki abanazo zizo ezibenze bathatha isigqibo sokuba bohlukane. Iingxaki zabo azibangelwanga nguwe ibe awunakukwazi ukuzilungisa. Ngabo abanomsebenzi wokulungisa iingxaki zabo zomtshato.

 “Mntu ngamnye uza kuthwala owakhe umthwalo.”—Galati 6:5.

 2. Sukuba nenzondo okanye ungaxoli

 “Utata zange athembeke kumama ibe le nto indicaphukisa kakhulu. Kuzothath’ ixesha ngaphambi kokuba ndiphinde ndimthembe.”—URianna.

 Into omele ungayilibali: Inoba unomsindo ibe awuyithandi into eyenzeka kubazali bakho. Unesizathu esivakalayo sokuziva ngolo hlobo. Kodwa ukungaxoli akuzukukunceda. Kuza kugulisa wena kuze kukwenze ungonwabi. Yiyo le nto ukuba nenzondo kufaniswa nomntu otya ityhefu aze alindele ukuba kugule omnye umntu. a

 “Wuyeke umsindo, uyilahle nengqumbo.”—INdumiso 37:8.

 3. Ukungaqondi ukuba nawe ungonwaba emtshatweni

 “Ndoyika ukuba ndingenza into eyenziwa ngutata. Ndinexhala lokuba xa ndinokutshata ndize ndibe nabantwana, nam ndiza kwenza la nto yabangela ukuba abazali bam badivose.”—UJessica.

 Into omele ungayilibali: Into yokuba abazali bakho beye badivosa ayithethi ukuba nowakho umtshato awuzukuphumelela. Phofu, ungafunda izinto ezibalulekileyo kwizinto ezenzeke kubazali bakho. Ngokomzekelo, ungatsho ubone iimpawu omele uzijonge kumntu oza kutshata naye. Ukungaphumeleli komtshato wabazali bakho kungakunceda uzimisele ukuba neempawu eziza kukwenza ube ngumyeni okanye umfazi ozenza kakuhle izinto.

 “Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye.”—Galati 6:4.

Ukuyeka ukuba buhlungu ngenxa yokudivosa kwabazali bakho kufana nokuphila emva kokophukelwa lithambo. Kubuhlungu ngoku, kodwa kuza kuba bhetele ekuhambeni kwexesha

 Izinto ezintathu omele uzenze

 1. Thetha. Abantu abangayichaziyo indlela abaziva ngayo xa bengonwabanga basenokwenza izinto ezingafanelekanga, ezifana nokusebenzisa kakubi utywala okanye iziyobisi. Endaweni yokuba wenze loo nto, khawukhe uzame ezi zinto zilandelayo:

 Thetha nabazali bakho. Ukuba abazali bakho bafuna ukukufaka kwiingxaki zabo, thetha nabo ngokuzolileyo, ubachazela ukuba le nto ikwenza uzive njani. Ukuba kunzima ukuthetha nabo, ungababhalela ileta.

 Thetha nomhlobo omthembileyo. Ukuba nomntu okumamelayo xa uthetha naye kunokukunceda kakhulu uzole. IBhayibhile ithi, “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17.

 Thetha noMdali wakho. UYehova uThixo ‘ngummameli wemithandazo,’ ngoko uzosoloko ekumamela xa uthetha naye. (INdumiso 65:2) IBhayibhile ithi “liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

  •   Phakathi komama notata wakho, ngowuphi onokuthetha naye uzolile?

  •   Ngowuphi umhlobo omthembileyo onokukuxhasa?

  •   Ziiintoni onokuzithandazela?

 2. Lwamkele utshintsho

 Xa abazali bakho bedivosa kusenokufuneka utshintshe indawo yokuhlala, isikolo, ube nabahlobo abatsha, nemali ebenikade nibanayo isenokungafani nakuqala. Le nto inokukwenza ube nestres, ungonwabi uze ubone ngathi ubomi bakho bonke buyatshintsha. Yintoni onokuyenza ukuze kube lula ukulwamkela olu tshintsho? Khawukhe uzame ukuhoya izinto onokuzenza ukuze uqhelane nalo.

  •   Loluphi utshintsho olukhulu ekwafuneka ulwenze xa abazali bakho babedivosa?

  •   Ziintoni ekufuneka uzenze ukuze ulwamkele olu tshintsho?

 “Ndifunde ukwanela yiloo nto ndinayo nokuba ndikweyiphi imeko.”—Filipi 4:11.

 3. Zazi izinto okwazi ukuzenza kakuhle

 Xa abazali bakho bedivosa, le nto inokukwenza ube nexhala kakhulu. Kodwa inokukunceda ubone nezinye izinto ozenza kakuhle. Inokukufundisa nezinye iimpawu obungenazo. UJeremy onabazali abadivosa xa wayena-13 uthi, “Le nto yandifundisa ukuba ngumntu onokuthenjwa. Yayindim omdala ngoko kwakufuneka ndincede umama, ndize ndincedise nasekukhuliseni umntana wasekhaya omncinci.”

Ukudivosa kwabazali bakho kunokukunceda ukwazi ukwenza eminye imisebenzi ekhaya

  •   Zeziphi izinto oye waqaphela ukuba uzenza kakuhle emva kokudivosa kwabazali bakho?

  •   Zeziphi iimpawu ofuna ukuzilungisa?

 “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo ibe sinceda . . . ekulungiseni izinto.”—2 Timoti 3:16.

a Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ndingawulawula Njani Umsindo?