Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Abazali Bam Bengandivumeli Ndonwabe?

Kutheni Abazali Bam Bengandivumeli Ndonwabe?

 Abahlobo bakho bakumemele kwipati kule mpelamveki. Ubuza abazali bakho ukuba ungaya na, kodwa bathi “Awuyi apho.” Ayikothusi le nto kuba babekhe abakuvumela kwixesha elidlulileyo.

Kweli nqaku

 Kutheni abazali bam besoloko bengandivumeli ukuba ndenze izinto ezithile?

 Ukuba kubonakala ngathi abazali bakho basoloko bengavumi ukuba wenze izinto ozifunayo, ungacinga ukuba abafuni wonwabe.

 Enye intombi ekuthiwa nguMarie yayiziva ngaloo ndlela xa yayiqala ukuba nefowuni. Ithi: “Utata wayenezinto awayefuna ndingazidawunlowudi kule fowuni, kukho abantu awayefuna ndingancokoli nabo, nexesha endimele ndingancokoli nabo ngalo. Kodwa abahlobo bam babesenza nantoni na abafuna ukuyenza!”

 Cinga ngalento: Ngaba utata kaMarie wayengafuni nyhani ukuba onwabe? Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yayimenza abe nexhala?

Isantya ekuthiwa umele uhambe ngaso endlelni sinokwenza ungakhululeki kodwa sikukhusela kwingozi enokwenzeka, kunjalo nangemithetho yabazali

 Khawuzame lento: Khawube nombono wakho ungumzali, ibe unomntwana osandokuba nefowuni. Yintoni enokukwenza ube nexhala? Ziintoni onokuthi makangazenzi ukuze zingenzeki izinto onexhala lazo? Ungathini xa umntwana wakho esithi awufuni onwabe?

 “Utata wayedla ngokuthi, ‘Khawukhe uzifake ezihlangwini zam njengomzali.’ Xa ndenza loo nto, ndatsho ndabona indlela endinceda ngayo imiyalelo yakhe nezizathu zokuba andibekele yona. Ukuba bendinabantwana, ndicinga ukuba nam bendizolindela ukuba benze izinto utata azilindeleyo kum.”—UTanya.

 Ndingabenza njani abazali bam ukuba bandivumele ndizenze?

 Into omele ungayenzi: Ungaqumbi, ukhalaze okanye uxabane nabo.

 “Ukuxabana akuncedi nganto, kodwa kuzodinisa wena kunye nabazali bakho. Xa uxabana nabo, bazocinga ukuba awukhulanga ngokupheleleyo ibe abamele bakuvumele wenze ezinye izinto.”—URichard.

 Khawuzame lento: Sukhawuleza ukuqumba. Endaweni yaloo nto, zama ukuyijonga ngendlela abazali bakho abayijonga ngayo loo nto. Ngaba ingxaki kukuba abakuthembi, okanye abathembi le ndawo uzobe uhleli kuyo okanye aba bantu uzobe uhamba nabo? Kutheni ungathethi nabo uzolile, uze uzame ukwazi izizathu zokuba bangakuvumeli?

 “Kusoloko kukho izizathu kwimithetho abayibekayo. Abazali bam abafuni ndingonwabi, kodwa bafuna ndonwabe ngendlela engazukubazisela iingxaki.”—UIvy.

 Umgaqo weBhayibhile: “Isidenge siyikhupha yonke indlela esiziva ngayo, kodwa sona isilumko sihlala sizolile.”—IMizekeliso 29:11.

 Ungayenzi lento: Sukuyenza into abazali bakho abangakuvumelanga ukuba uyenze.

 “Ndiye ndizame iindlela zokwenza ezizinto utata ebesithi ndingazenzi xa ndisebenzisa ifowuni yam. Ndiye ndizame nezinye iindlela zokubhalela abahlobo bam ebusuku, ndidawunlowude nezinto utata wam angafuniyo ukuba ndibenazo. Kodwa xa ethe wandibhaqa, uye abeke neminye imithetho emininzi kuba akasandithembi. Ukuzama ukwenza izinto ekuthiwe sukuzenza akusoloko kuyinto elungileyo.”—UMarie.

 Khawuzame lento: Bonisa abazali bakho ukuba ungakwazi ungazenzi izinto abathe sukuzenza ukuze bakuthembe

 “Yiba nomonde. Kusenothatha ixesha ukuba abazali bakho bahlise imithetho abakubekele yona, kodwa ukuba uyayithobela imithetho yabo, basenokukuyeka wenze nezinye izinto.”—UMelinda.

 Umgaqo weBhayibhile: “Bathobeleni abazali benu kuyo yonke into.”—Kolose 3:20.

 Ungayenzi lento: Subanyanzela abazali bakho bakuvumele ukuba wenze into ethile, ubaxelele ukuba abantwana abalingana nawe bona bavumelekile ukuba bayenze lonto.

 “Ukunyanzelisa akuzukwenza izinto zibelula, okanye uyifumane into oyifunayo.”—UNatalie.

 Khawuzame lento: Iphepha onokubhala kulo elithi “Isizathu sokubekwa kwemithetho” lingakunceda ucinge ngemithetho uncokole ngayo nabazali bakho.

 “Umzali uyafuna ukubona ukuba uyakwazi na ukwenza izingqibo ezifanelekileyo. Ngoko xa ndithetha nabo ndiye ndazame ukuba ndingasebenzisi iimvakalelo zam. Xa ndisenza loo nto, ndiye ndiphumelele.”—UJoseph.

 Umgaqo weBhayibhile: “Hlonipha utata wakho nomama wakho.”—Efese 6:2.